Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Kutheni Kumele SidumiseSample

Kutheni Kumele Sidumise

Usuku 3 LWE 3

Kuyamkholisa uThixo xa Simdumisa

UDavide lowo uThixo ubhekisa kuyeukuyanjengokuba umntu wentliziyo yakhe wayengumntu ophila ubomidumisani. UDavide wakubeka kwindawo yokuqala ukwenza loo nto intando ekholisa intliziyo kaThixokunye nenye yezo ndlela yayiyindumiso yokwenene kuyo yonke imeko.Wayesoloko efuna ubukho bukaThixo, ecula iindumiso zendumiso nonqulo. Kwanobomi bakhe babuvakalisa iindumiso zikaThixo njengoko wayeqhubeka evakalisa indlela ekulunge ngayo ukudumisa uYehova.

Ubudlelwane bethu noThixo abuyi kuphelela ngaphandle kwendumiso nonqulo. Yindumiso yokuba sifikelela ebusweni bukaThixo.Ibhayibhile ithi masize etempileni yakhe ngombulelo nakwintendelezo yakhe ngendumiso.Xa sinqula umoya waKhe ushukuma kuthi, sifumana uxolo lokwenene, uvuyo olupheleleyo, ukuphiliswa kunye nemimangaliso eyenzekayo..Njengoko sinqula, ulwamvila lokufa lunjalo kunye noloyisongokuqinisekileyo. Umdumisi usixelela ukuba uThixo uhlala ezidumisweni zabantu bakhe. Ukudumisa igama likaThixo kungenisa ubukho bakhe kwezona zihlandlo zimnyama zobomi bethu. Kwaye ngobukho baKhe, isimilo saKhe siqala ukubonakala. Haleluya!

Day 2

Malunga nesi Sicwangciso

Kutheni Kumele Sidumise

Kuthetha ukuthini ukuDumisa? Kutheni sifuna ukuya Dumisa uThixo? Ngaba ubomi bokudumisa noNqulo benza umahluko? 'Kutheni kufuneka sidumise' sisifundo sokuba kutheni ikholwa ngalinye kufuneka liphile ngendumiso nonqulo rhoqo. Kukuthanda kukaThixo ukuba yonke into ayidalileyo ibonise uzuko lwakhe. Nangona indlela isenokungabi lula ekuqaleni, kodwa ngoYesu silufumene ubabalo kwaye ulonwabo alubeka ezintliziyweni zethu luyasomeleza njengoko sihlala ebusweni bakhe.

More

Sithanda ukubulela Donald Mqwathi ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: facebook.com/donald.mqwathi?_rdc=1&_rdr