Kutheni Kumele SidumiseSample
![Kutheni Kumele Sidumise](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapi.com%2Fhttps%3A%2F%2Fs3.amazonaws.com%2Fyvplans%2F54300%2F1280x720.jpg&w=3840&q=75)
Ukunikela imibingelelo yombulelo
Sicula iindumiso ukuvuma nokungqina ukulunga kukaThixo. Kubaluleke kakhulu kubomi bamakholwa ukuba iintliziyo zethu zizaliswe ziindumiso kunye nemilebe yethu ngamaculo ombulelo nokudumisa eNkosini. Sinombulelo ongazenzisiyo ezintliziyweni zethu apho sivuma uThixo nangamandla akhe onke nobukhulu kuko konke esikwenzayo.nakuzo zonke iimeko.
Yonke into esinayo, esiyifunayo nesiyiyo, ivela kuThixo umdali wethu; konke okukhoyo kwabakho ngamandla akhe. Yaye yonke into edalelwe indumiso yakhe. Unqulo lokwenyaniso luthobela uThixo nemigaqo yakhe njengoko eyaleleyo. Kuba njengoko sisithi siyamthanda uYehova kwaye sivakalisa indlela esinombulelo ngayo kwiingoma zethu nakwimilebe yethu elunqulweni, ukuba siyabufulathela ubungcwele size singamthobeli, unqulo lwethu alusayi kwamkeleka. Uhlobo lokubulela nokunqula uThixo alufunayo kuthi lolo luphuma kwintliziyo engcweleoko kugciniwe. KwiGenesis, uAbheli noKayin bazisa imibingelelo yabo yombulelo phambi koThixo kwaye sibona uThixo eqhubana nabo ngokwemo yeentliziyo zabo.
Ke ngoko, njengoko sizama ukufumana isazisi sombulelo kunye nonqulo, kufuneka sifune ukubukeka njengeNkosi yethu uYesu Krestu ebungcweleni. Jonga kude kwiingxaki kunye namaxhala kuba Yena uyakuthanda. Wamkele uMoya wakhe, kwaye ubulungisa bakhe buya kwenza unqulo lwakho lwamkeleke kuThixo.Masimdumise uThixo ngokuzeleyo kozuko lwakhe, sinikela umbulelo ophuma ezintliziyweni zethu. Kaloku uNdikhoyo uyayigoca-goca intliziyo, aze ayivuze elowo ngokwezenzo zakhe.
Malunga nesi Sicwangciso
![Kutheni Kumele Sidumise](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapi.com%2Fhttps%3A%2F%2Fs3.amazonaws.com%2Fyvplans%2F54300%2F1280x720.jpg&w=3840&q=75)
Kuthetha ukuthini ukuDumisa? Kutheni sifuna ukuya Dumisa uThixo? Ngaba ubomi bokudumisa noNqulo benza umahluko? 'Kutheni kufuneka sidumise' sisifundo sokuba kutheni ikholwa ngalinye kufuneka liphile ngendumiso nonqulo rhoqo. Kukuthanda kukaThixo ukuba yonke into ayidalileyo ibonise uzuko lwakhe. Nangona indlela isenokungabi lula ekuqaleni, kodwa ngoYesu silufumene ubabalo kwaye ulonwabo alubeka ezintliziyweni zethu luyasomeleza njengoko sihlala ebusweni bakhe.
More
Sithanda ukubulela Donald Mqwathi ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: facebook.com/donald.mqwathi?_rdc=1&_rdr