INdlela kaThixo eya eMpumelelweniIsampulu
INdoda eneMpumelelo
Ekugqibeleni siyazibona iziphumo zokucamgca ngeLizwi, nokusiphathela iziqhamo ngeli xesha ebomini bethu. ILizwi likaThixo ngala manzi akholisa ezi ndawo zomileyo ebomini bethu, akhokelele ekukhuleni nakwiziqhamo. Ukucamgca ngeLizwi, imini nobusuku, kuqinisekisa ukuba asoze siphinde some. Asinakuphelelwa okanye singaphumeleli xa ukuzithemba kwethu kusekelwe kuThixo. Endaweni yoko, siya kuthwala iziqhamo kwaye sibe yintsikelelo kwabo basingqongileyo.
Ngaphandle kokholo akukwazeki ukukholisa uThixo, kwaye indlela ekuphela kwayo esinokukhulisa nesinokomeleza ngayo ukholo lwethu kukuhlala simamela iLizwi likaThixo. Nokuba uphantsi kwezona meko zimbi, uThixo ufuna uthembe Yena kwaye ungoyiki bubi kuba unawe Yena.
Ukuba unqwenela ukuphila ubomi obuzele ziziqhamo, ngena uphelele kwiLizwi likaThixo imihla ngemihla. Uza kuqalisa ukumbona uThixo ebutshintsha ubomi bakho. Iindlela zaKhe ziyaziwa kwaye zigqibelele. Ulikhaka kubo bonke abathembele kuYe.
Umthandazo: Bawo, ndiyaKubulela ngelizwi laKho, elifumaneka lula kuthi. Njengokuba ndicamgca ngalo, ndikholelwa ekubeni Uya kubenza ubomi bam bube neziqhamo. Egameni likaYesu, Amen.
Malunga nesi Sicwangciso
Njengokuba sifunda iLizwi likaThixo, sicamgca ngalo kwaye siliphila, Usibonisa indlela eya kwiintsikelelo nasekuveliseni iziqhamo.
More
Sithanda ukubulela Paul Muhia ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: facebook.com/mathematician.paun?mibextid=LQQJ4d