INdlela kaThixo eya eMpumelelweniIsampulu

INdlela kaThixo eya eMpumelelweni

Usuku 1 LWE 3

INdoda eSikelelekileyo

Loo nto siyijongayo inamandla okutshintsha iingcinga zethu, izenzo kunye nendlela esiphila ngayo, yiloo nto iNkosi isicela ukuba sibhekise amehlo ethu kuYe. Xa sifumana iingcebiso kwabo bangenabuthixo, siphoswa lithuba lokuhamba ngokokholo nokuhlonipha uThixo ngobomi bethu.

Kuba siselapha ehlabathini, kumele sizimisele ukuhamba ngeendlela zikaThixo singahambi ngokwezono zethu. Nangona ibingelocebo lethu ukuzonwabisa esonweni, ukonwabela iingcebiso zabo bangenabuthixo nokuzinika ixesha lokuba kunye nabantu abangenabuthixo kuvula ithuba lokuba sihendeke ngokwasenyameni.

Sisikelelekile ukuba injongo yethu esiyifumanisileyo kukuhlonipha uThixo ngobomi bethu, salane nokumamela iingcebiso kunye nokuhlala nabantu abangenabuthixo. Ukuzibophelela ngabom kubudlelwane nabantu abangengomakholwa kufana nokubophelela iinkabi ezimbini ngeedyokhwe ezingalinganiyo. Kukhokelela kwintshabalalo. Kufuneka sizikhumbuze ukuba ukukhanya akunabudlelwane nobumnyama. Masikhethe ukuhamba kuphela ekukhanyeni.

Umthandazo: Bawo ndixolele ngezi ntsuku bendikade ndihamba ngokweengcebiso zabangenabuthixo. Ndikhetha ukufundiswa Nguwe kuphela. Ngegama likaYesu, Amen.

Usuku 2

Malunga nesi Sicwangciso

INdlela kaThixo eya eMpumelelweni

Njengokuba sifunda iLizwi likaThixo, sicamgca ngalo kwaye siliphila, Usibonisa indlela eya kwiintsikelelo nasekuveliseni iziqhamo.

More

Sithanda ukubulela Paul Muhia ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: facebook.com/mathematician.paun?mibextid=LQQJ4d