uRuteIsampulu
Umhlaba kaNawomi, ilifa lakhe nokuphila konke oku kuxhomekeke kuBhowazi. Nguye ongangumhlanguli wakhe, kwaye uRute usandulukuzicelela umtshato kuye. Umhlanguli ngumntu othatha uxanduva loxanduva lomthetho, usapho nemali yezizalwane ezihlupheke kakhulu, ngokukodwa abahlolokazi.
UBhowazi uyavuma ukumtshata uRute, kodwa kukho ingxaki. UBhowazi akanakuba ngumhlanguli kaNawomi kuba umhlanguli osondele kakhulu kufuneka aqale anikwe ithuba.
UBhowazi akaphozisi maseko. Ngentsasa elandela ukucelwa kwakhe umtshato ulinda esangweni ledolophu de abone lo ongangumhlanguli. Engabizanga gama likaRute, uBhowazi uchazela umhlanguli ongabizwa ngagama ukuba uNawomi uthengisa umhlaba womyeni wakhe kwaye unelungelo lokuqala lokwala.
Ecinga ukuba lugcinomali olungenabungozi kakhulu nolunomvuzo ophezulu, kwangoko uthi “ewe.” Kodwa ke ongangumhlanguli ufumanisa ukuba ukuthenga lo mhlaba kuquka uxanduva lokuhoya abahlolokazi abanguNawomi noRute. Ngoko ke akavumi. Ukuthenga umhlaba yenye into, kodwa ukutshata uRute mhlawumbi nokwahlula ilifa uphulukane naloo mhlaba ube ngowabantwana bakaRute abaza kuzalwa yingozi enkulu.
Ngoko ke uBhowazi wenza into engenakwenziwa yile ndoda. Wamkela iingozi zeli lifa lakhe kwaye uthwala uxanduva lokuqhubekeka ngelifa nomhlaba kaNawomi.
Wonke umntu obukeleyo ufumanisa ukuba uRute ongumhlolokazi, ongenabantwana nozalelwe kwelinye ilizwe, kunye nomhlolokazi uNawomi, balungiselelwe ngendlela ephume izandla, Bathandazela ukuba uThixo enze uRute umMowabhikazi afane noomama abangabaseki bakaSirayeli—uRakeli, uLeya noTamare. Ke uThixo uphendula imithandazo yabo ngokuthi ngendlela emangalisayo azalise uRute unyana, emva kweminyaka elishumi eludlolo.
Idolophu iyadanduluka yimivuyo. Ngoku ke uNawomi akanelanga nje ukuba nomhlanguli kuBhowazi, ukwanaye nakolusana lutsha. Xa uObhedi ekhulauza kuhoya uNawomi kwaye aqinisekise ukuba ilifa lika Nawomi alisayi kufa.
Incwadi iqala ngokusikhumbuza ukuba uRute wayephila “ngeentsuku zokulawula kwabagwebi” kwaye kwakungekho kumkani kwaSirayeli. Kodwa incwadi iphela ngenzululwazi ngomlibo weekumkani. UObhedi nguyisemkhulu kaKumkani uDavide (uRute 4: 22).
Loo nto ithetha ukuthi uRute wayengenabubele nje. UBhowazi wayengelo dini nje. Ukungazali kukaNawomi zange kuphele nje. Aba bantu basibonisa indlela uThixo aceba ngayo ukuhlangula abantu bakhe. NgoBhowazi nangedini lobubele bukaRute, uThixo wabonelela uNawomi noSirayeli ngomhlanguli.
UObhedi ngenye imini wayeza kuzala uKumkani uDavide owayeza kuthi ngenye imini ahlale etroneni. UDavide wayeza kuthatha uxanduva lwelifa nomhlaba kaSirayeli, njengokhokho wakhe uBhowazi owathatha uxanduva lwelifa nomhlaba kaNawomi.Nanjengoko ummangaliso wokuzalwa kukaObhedi kwaqinisekisa ukuqhubekeka komnombo kaNawomi, uThixo ngommangaliso uxelela uDavide ukuba umnombo wakhe uya kubakho naphakade. UThixo uthembisa umzukulwana womzukulwana kaRute ukuba unyana kaDavide uya kulawula naphakade.
Umbhali weVangeli kaMatewu usixelela ukuba uRute noBhowazi abazozinyanya nje zikaDavide, bakwazizo nezikaYesu. UYesu sisizukulwana sikaBhowazi noDavide. Njengezinyanya zakhe, idini lobubele bukaYesu liza kuhlangula usapho lwakhe kwintswelo. Emnqamlezweni, uYesu uba ngoyena mhlanguli wethu. Uzithathela uxanduva lwentswelo yethu emzimbeni nasemphefumlweni khonukuze singaze singabi namhlaba, ilifa okanye impiliso.
Njengoko uThixo wathembisa uDavide, uYesu uyaphila kwaye ulawula evuke ekufeni naphakade. NjengoRute noNawomi singeza kuye nokungabi nanto kwethu. Singamcela ukuba asihlangule. Singamcela uYesu ukuba athathe uxanduva lwezono zethu kwanokungabi nathemba kwaye azame ukuzilungisa ezi zinto.Uncuthu lweendaba zeNcwadi kaRute kukuba uYesu uza kusihlangula njengesizalwane esisondeleyo nanjengoKumkani onamandla!
Akwaba uMoya oyiNgcwele angavula amehlo akho ubone uThixo ongabashiyiyo abantu bakhe bengenaMhlanguli. Kwaye akwaba ungambona uYesu njengoMsindisi wethu onedini lobubele ofayo ukuze asihlangule sonke.
Malunga nesi Sicwangciso
Esi sicwangciso sezifundo seentsuku ezi4 yincwadi yenkcazo yencwadi kaRute, esibonisa ukuthembeka kukaThixo, ulwazelelo, ukuhlangulwa novelwano. Ukuba uziva ngathi akungeni ndawo, okanye ngathi ungaphandle ujonge ngaphakathi, ibali likaRute liza kukukhuthaza kwaye likuphembelele, likukhumbuze ukuba uYesu, oyena Mhlanguli wethu, isisa sakhe usiphokozela kwabo bazithobileyo.
More
Sithanda ukubulela Spoken Gospel ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: http://www.spokengospel.com/