uRuteIsampulu
URute noNawomi basandulukufumanisa into yokuba uBhowazi ngomnye “wabahlanguli” bosapho lwabo. KwaSirayeli, “umhlanguli” unoxanduva ngokwasekuhlaleni nangokomthetho lokuhoya izizalwane ezihluphekileyo, ngokukodwa abahlolokazi. Kweli wonga akulo, uNawomi kuza kufuneka athengise umhlaba wakowabo ukuze akwazi ukuphila. Kodwa ukuba uBhowazi utshata uRute, zonke iingxaki zabo ziza kusombululeka. NgoBhowazi, isiphelo sokungabi nabantwana kwabo ngathi siza kwenzeka. Kodwa uRute ukwangumhlolokazi, udlolo kwanomntu wasemzini. Akucaci nokuba uBhowazi angayicinga nokuyicinga into yokuba uRute angangumngani wakhe.
Ngoko ke uNawomi uza necebo elibhadlileyo kodwa elinobungozi lokwenza uBhowazi azifunele umtshato. URute kufuneka anxibe, aziqhole duru, kwaye alinde uBhowazi alale emva kwesidlo esikhulu. Emva koko uza kumombula ezinyaweni zakhe alale ecaleni kwakhe.
Eli cebo libhadlile kuba uNawomi ulinda de uBbhowazi ahluthe kwaye onwabe. Ukumombula ezinyaweni zakhe kuthetha ukuthi ethubeni ebusuku, uBhowazi uza kuvuka engqeleni kwaye—ummangaliso—abone uRute omhle elele ngokuzithoba ezinyaweni zakhe. Kodwa eli cebo linokungafaneleki: indoda nebhinqa bodwa ebusuku, balele kunye kwaye ababonakali. URute ude “amkhulule.” Ixhala ngokwesondo linganeziphumo ukuba uBhowazi eli cebo ulithatha ngenye indlela engeyiyo. Kodwa uRute uyavuma ukwenza loo nto uNawomi ayicebisayo.
Kodwa uRute uyahola. Xa uBhowazi evuka embona, uRute akalindi mpendulo yakhe. Endaweni yoko uRute akaceleli mtshato uNawomi nokuhlangulwa kwakhe kwanelifa lakhe. URute uthi uBhowazi “ngumhlanguli.” Ufuna ukutshata uBhowazi, kungengakuba ufuna ukulungelwa kodwa ngenxa kaNawomi. Umlibo kaNawomi uza kuphela ngaphandle koncedo lukaBhowazi. Kodwa ukuba uBhowazi uyamtshata, umntwana kaRute uza kuba yindlalifa kaNawomi kwaye umhlaba kaNawomi uza kushiyeka kusapho lwakhe.
UBhoowazi wonganyelwa yintembeko kaRute kuNawomi. Akanelanga kushiya ikowabo ngenxa yakhe, ukwavuma ukulungiselela umtshato egameni lokuhle nolonwabo lukaNawomi ingekuko okwakhe.
Ubhowazi ufuna ukuvuma, kodwa kukho ingxaki. Ukhona omnye umhlanguli ofuna ithuba lokungenelela.
Kulo lonke ibali likaRute noNawomi kukho igama lesiHebhere elibalulekileyo nekufuneka siliqonde. Mhlawumbi liguqulelwa ngokuthi “ububele” kwiBhayibhile yakho.
Sixelelwa ukuba uRute wabonisa ububele kuNawomi ngokuthi ashiye ikowabo. UBhowazi wabonisa ububele kuRute ngokuthi angabambi sandla amnike ukutya yena noNawomi. UBhowazi uthi ukucelwa komtshato nguRute ikwasisenzo sobubele. KuRute ububele asikokuveza zinyo nje kuphela, kukuthembeka. Ngaphaya kokuthembeka, lidini lokuthembeka. Kube nzima kakhulu kuRute ukushiya ikowabo. Isicelo sikaRute somtshato kuBhowazi sithetha ukuthi uncama umtshato wothando okanye wemali. Njengoko siza kubona kwisahluko esilandelayo, ukucelwa kwalo mtshato kumdla imali—asisathethi ke ngexabiso lasekuhlaleni elingakho lokutshata umntu wangaphandle oludlolo.
Ityeli lokuqala apho olu hlobo lobubele lukhankanywayo kukwiBhayibhile xa uThixo ezichaza kuSirayeli kwiNtaba yeSinayi. UThixo uthi uthembekile kwaye unobubele ngokungagungqiyo. Uza kumthanda uSirayeli nakanjani. KuRute noBhowazi sibona umfanekiso ophilayo wobubele bukaThixo, kodwa sikwabona umfanekiso ophilayo wokuthandwa kwethu nguYesu.
Ngenxa yokuthembeka kwizithembiso zikaThixo zothando olungagungqiyo, uYesu walishiya ikowabo waza watshata umtshakazi ngendlela emnzimelayo kakhulu. Kwanjengokuba uRute engazange acele mtshato kuBhowazi kuba emhle okanye esisityebi, uYesu zange azibandakanye nathi kuba sibalasele okanye sinengqondo ebukhali. UYesu wasifela kuba enobubele kwaye ethembekile. Unobubele kubantu abaneemfuno nabathembekileyo kwizithembiso awazenzayo.
Ngoko ke uyabufuna na ububele bukaThixo? Uyalifuna idini lenceba yeNkosi ukuba lihlangabezane neemfuno zakho? Fana noRute, ke.Lala ezinyaweni zeNkosi ucele. Qina umxelele ukuba yintoni elindileyo ukuba akukho nto ayenzayo—mthembe uThixo onobubele ngaphezu koBhowazi kwaye uza kukunika konke okufunayo.
Zibonele.
Akwaba uMoya oyiNgcwele angawavula amehlo akho ubone uThixo osikhusela ngamaphiko akhe.Kwaye akwaba ungakubona ukuthembeka kobubele bukaYesu njengokuba waziqongqotha ukuze zizaliseke.
Malunga nesi Sicwangciso
Esi sicwangciso sezifundo seentsuku ezi4 yincwadi yenkcazo yencwadi kaRute, esibonisa ukuthembeka kukaThixo, ulwazelelo, ukuhlangulwa novelwano. Ukuba uziva ngathi akungeni ndawo, okanye ngathi ungaphandle ujonge ngaphakathi, ibali likaRute liza kukukhuthaza kwaye likuphembelele, likukhumbuze ukuba uYesu, oyena Mhlanguli wethu, isisa sakhe usiphokozela kwabo bazithobileyo.
More
Sithanda ukubulela Spoken Gospel ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: http://www.spokengospel.com/