URUTE 4:9-11

URUTE 4:9-11 XHO75

Wathi ke uBhohazi kumadoda amakhulu nakubantu bonke, Ningamangqina namhla, ukuba ndikuthengile konke okukaElimeleki, nako konke okukaKiliyon noMalon, esandleni sikaNahomi; noRute umMowabhikazi, umkaMalon, ndimzuzile ukuba abe ngumkam, ukuze kuvuswe igama lomfi elifeni lakhe, linganqanyulwa igama lomfi ebazalwaneni bakhe, nasesangweni lendawo yakhe: ningamangqina namhla. Bathi bonke abantu abasesangweni namadoda amakhulu, Singamangqina. UYehova makamenze lo mfazi ungenayo endlwini yakho, abe njengoRakeli nanjengoLeya, abayakháyo indlu kaSirayeli bobabini, avelise amandla e-Efrata, akwenzele udumo eBhetelehem