URUTE 4:9-11

URUTE 4:9-11 XHO96

UBhowazi ubhekise kwababelapho kunye namadoda amakhulu, wathi: “Namhlanje nonke ningamangqina okuba namhla ndithathe konke okukaElimeleki kuNawomi. Nditsho nokukaKiliyon noMalon oonyana bakhe. Ngaphezu koko umka-Malon, umMowabhikazi uRute, uza kuba ngumkam. Loo nto iya kwenza ukuba izinto zikamfi zihlale zizezakubo, lize negama lakhe lingaze licime kumawabo nasezimbalini zakowabo. Ningamangqina aloo nto ke namhlanje.” Amadoda amakhulu nabo bonke ababelapho ngasemasangweni bavuma bathi: “Singamangqina. *UNdikhoyo ubenga angamenza lo mfazi umthathayo afuze ooRakeli noLeya, bona bayakhayo indlu kaSirayeli. Nawe sikunqwenelela iwonga phakathi kwabemi base-Efrata, igama lakho libe nodumo eBhetelehem.