Iimvakalelo eziNgcwele - Iimpendulo ezisebhayibhileni zayo yonke imingeniIsampulu

Holy Emotions - Biblical Responses to Every Challenge

Usuku 9 LWE 30

UEstere wayeyinkedama eyakhuliswa nguyisekazi, uMordekayi. Xa uKumkani uAhaswerosi wagqiba kwelokuba afune umfazi omtsha, abaveleli bakhe benza olona khuphiswano lukhulu kwimbali ebhaliweyo.

UEstere waphumelela kukhuphiswano loonobuhle waza wafumana inkoliseko kuye wonke ubani owayengaphakathi kwiindonga zebhotwe.

Xa uMalume uMordekayi engazange avume ukuqubuda kuHaman, omnye wabacebisi abakhulu bakakumkani, kwagqitywa ekubeni kungekuphela nje uMordekayi abulawe, kodwa uHaman wafumana imvume kukumkani yokuba lonke uhlanga lwamaYuda lubulawe. Uthe ke uMordekayi, akuliva elo cebo libi, wazikrazula iingubo zakhe, wanxiba ezirhwexayo, wazigalela ngothuthu, waphuma waya phakathi komzi, wabhomboloza kabukhali, krakra.

Indlela awasabela ngayo uMordekayi kwiimeko ezimanyumnyezi ngelishwa isenokufana nendlela osabela ngayo kwizinto ezenzeka ebomini bakho. Wakuba ungafumani indlela yakho, ulandela umzekelo kaMordekayi, unxiba iimpahla zakho zokuzila, uncwine, ukhalaze ngokuvakalayo, ukuze sonke isixeko sikuve!

Ukuba ngokuzicingela nangobuntwana ukhetha ukuhamba ebomini unxibe ezirhwexayo nothuthu, uya kuzikhanyela ukuba usondelelene noKumkani wabo bonke ookumkani! Owu ... usengumKristu kwaye uya kuhlala ngonaphakade kunye noYesu, nangona kunjalo, ukuzixakekisa kwakho ngeentlungu zakho kuya kukuvimbela ekungcamleni ubumnandi bobudlelwane obuxabisekileyo kunye naYe ngelixa usemhlabeni.

Ngempazamo sikholelwa ukuba, ukuba sidanduluka kabuhlungu ngokwaneleyo, siya kufumana ukuphulaphulwa nguThixo. Ngokuchasene noko, igama eliyimfihlo lokungena ebukhweni baKhe ngumbulelo!

Xa ukumkanikazi uEstere weva ngetheko lokufuna inceba elalisenziwa ngumalume uMordekayi phambi kwamasango kakumkani, wathumela izambatho ezitsha kuMordekayi kodwa akavuma ukuzinxiba. UMoya oyiNgcwele usinike iwodrophu entsha ukuba nathi siyinxibe, kodwa amaxesha amaninzi siyala ukuwola ingubo yendumiso kwaye endaweni yoko sikhethe ukubulisa ubomi sinxibe isambatho seentlungu. UKumkani wabo bonke ookumkani uyazi ukuba ubukho bakhe buyindawo yokuhlala yoloyiso lwakho kwaye ucango luvuleke kakhulu ukuze ungene. Ngelishwa, awukwazi ukungena kwiinkundla zangaphakathi zebhotwe Lakhe ngelixa unxibe ukuphoxeka kwiimeko zakho.

Yambatha ingubo yokudumisa! Kunokuba ube buhlungu ngokweemvakalelo ... beka izandla zakho emoyeni kwaye ucule phambi kwakhe!
Usuku 8Usuku 10

Malunga nesi Sicwangciso

Holy Emotions - Biblical Responses to Every Challenge

UThixo wakwenza kwaye wakubeka ngalo mzuzu ngeli xesha, ukuba uthande abangathandekiyo, ubonakalise uxolo kwisiphithiphithi, kwaye ubonise uvuyo olungenasiphelo kuyo yonke imeko. Oku kusenokubonakala kungenakwenzeka, kodwa unokukwenza oku ngokufunda oko iBhayibhile ikutshoyo ngeemvakalelo zakho zemvelo zobuntu nendlela yokuzilawula. Olu nqulo lugubungela imiceli mngeni eqhelekileyo kwaye ngamanye amaxesha engaqhelekanga esijongana nayo yonke imihla, kwaye ibonelela ngeembekiselo zeBhayibhile malunga nendlela yokulawula iimvakalelo zakho ngendlela kaThixo.

More

Sithanda ukubulela uCarol McLeod kunye neJust Joy Ministries ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: www.justjoyministries.com