Iimvakalelo eziNgcwele - Iimpendulo ezisebhayibhileni zayo yonke imingeniIsampulu

Holy Emotions - Biblical Responses to Every Challenge

Usuku 13 LWE 30

Ngokuya umama notata babetshatiswa, banikwa ikhabhathi yeempahla zokunxiba endala esuka kubazali bakatata. Le khabhathi yayikwishedi yabo yeenkuku ixesha elingaka ngamashumi eminyaka, kodwa umakhulu wam ozala utata wayecinga ukuba abazali bam banokuyisebenzisa kwikhaya labo elitsha. Le khabhathi yayigqunywe luthuli lweminyaka, itela yeenkukhu kunye neentsiba ezingenakubalwa ezivela kwizizukulwana zeenkukhu. Umakhulu wazama ukuyicoca kodwa wafumanisa ukuba ayinakucoceka, ngoko wayigquma yonke loo ntsalela ngedyasi yepeyinti embi, eluhlaza okomnquma.

Le khabhathi ibolileyo, iluhlaza okomnquma yayihleli kwipaseji yethu ephezulu kulo lonke ixesha lobuntwana bam.

Ekugqibeleni uMama wagqiba kwelokuba ayisuse ipeyinti eluhlaza kulekhabhathi. Wayisa kumhlobo wosapho lwakhe owayenze ishishini lokuhlaziya ifanitshala kwigaraji yakhe

Umama wayishiya ngenye intsasa, yaye ngosuku olulandelayo, uMnumzana C. wafowuna waza wamxelela ukuba adlule aze ayithabathe. Wayengekayicingi nokuyicinga into yokuba wayilungisa ngokukhawuleza ifanitshala eyonakele ngolo hlobo, waza wambuza ukuba uyigqibe njani ngeeyure ezingama-24 kuphela.

UMnu C. wachaza, ukuba njengoko wayephanda ngeempawu zale khabhathi, waqonda ukuba yenziwa ngexesha leMfazwe yeNguquko kwaye yayililifa elixabisekileyo. UMnumzana C. wathi oko kufana nefenitshala eyenzelwe uGeorge Washington ngokwakhe! Wala ukuyiphatha waza waxelela umama ukuba yayixabisa amashumi amawaka eedola.

UMama wema ngelithi uMnu. C. nguye awayefuna ukuba abuyisela le ntwana yembali. Kwamthatha iinyanga uMnu. C. ukuyibuyisela ngobuchule kwisimo sayo esidala le khabhathi. Xa uMnumzana C. egqiba ukosula ukungcola, waqalisa ukubhuqa uthuli kulekhabhathi -wayivanisha - wayibuyisela kubuhle bayo obabucetyiwe.

Uyile khabhathi wena - wawenzelwe ukuba uxatyiswe kwaye ukhathalelwe. Kodwa endaweni yoko, ukhethe ukuhlala kwihoko yeenkukhu kwaye ikufihle ngetela, iintsiba kunye namashumi eminyaka okungcola. Kwaye ke, ingqwayi ekuzincedeni, ebineenjongo ezintle, ikupeyinte ngombala okhonyulukisayo. UThixo unqwenela ukuyisusa yonke loo nto aze ngokuthantamisa nangothando akubuyisele kubuhle bendalo yaKhe. Ngaba uya kumvumela ukuba enze oko? Udalwe ngokomfanekiso wakhe ukuba ube yinxalenye yeqhinga lakhe ngeli xesha embalini.
Usuku 12Usuku 14

Malunga nesi Sicwangciso

Holy Emotions - Biblical Responses to Every Challenge

UThixo wakwenza kwaye wakubeka ngalo mzuzu ngeli xesha, ukuba uthande abangathandekiyo, ubonakalise uxolo kwisiphithiphithi, kwaye ubonise uvuyo olungenasiphelo kuyo yonke imeko. Oku kusenokubonakala kungenakwenzeka, kodwa unokukwenza oku ngokufunda oko iBhayibhile ikutshoyo ngeemvakalelo zakho zemvelo zobuntu nendlela yokuzilawula. Olu nqulo lugubungela imiceli mngeni eqhelekileyo kwaye ngamanye amaxesha engaqhelekanga esijongana nayo yonke imihla, kwaye ibonelela ngeembekiselo zeBhayibhile malunga nendlela yokulawula iimvakalelo zakho ngendlela kaThixo.

More

Sithanda ukubulela uCarol McLeod kunye neJust Joy Ministries ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: www.justjoyministries.com