Iimvakalelo eziNgcwele - Iimpendulo ezisebhayibhileni zayo yonke imingeniIsampulu

Holy Emotions - Biblical Responses to Every Challenge

Usuku 10 LWE 30

Indlela enamandla yokuqinisekisa ukuba umoya wakho uyakhula ube yeyona ndawo inamandla kwisiqu sakho sangaphakathi kukuthandaza ungayeki. Khange ndithi ncwina ungayeki-ndithe thandaza ungayeki.

AmaKristu amaninzi achitha ubomi babo bonke encwina kwaye ekhalaza eNkosini aze azibuze ukuba kutheni imithandazo yawo ingaphendulwa! Xa uthandaza, thandaza unovuyo! Xa uthandaza, yiza ebusweni bakhe ngenkalipho nangamandla! Xa uthandaza, shiya umphefumlo wakho weemvakalelo emnyango kwaye uthathe umoya wakho owondlekileyo uwuse eGumbi leTrone kwaye ugcobe ebukhoneni bakhe obumangalisayo!

UThixo uyakuthanda na xa uncwina ... kodwa xa udibanisa umoya wakho noMoya waKhe kwingoma enkulu yendumiso elo lixesha apho izulu nomhlaba ziqala ukushukuma egameni lakho. NjengamaKristu, asiloqela labantu elivumela ukucula nemigcobo yethu iphelele kwisibhakabhaka esinelanga neemeko ezimangalisayo, kodwa sizimisele ukuthandaza ngovuyo kwanaxa ubomi bethu buwohloka. Kuyinxalenye yeDNA yethu ukuza ebusweni Bakhe ngombulelo nokuba usilindele ngaphandle komnyango wobukho bakhe.

Amakhwenkwe amathathu angamaHebhere ayenqula ezikweni elivutha umlilo! UPawulos noSilas bacula ezinzulwini zobusuku entolongweni! UStefano wanqula njengoko wayexulutywa ngamatye! UHana wayenqula engekakhulelwa! Joyina inkitha yamakholwa asuka kuzo zonke izizukulwana zembali akhetha ukuthandaza ngovuyo.
Usuku 9Usuku 11

Malunga nesi Sicwangciso

Holy Emotions - Biblical Responses to Every Challenge

UThixo wakwenza kwaye wakubeka ngalo mzuzu ngeli xesha, ukuba uthande abangathandekiyo, ubonakalise uxolo kwisiphithiphithi, kwaye ubonise uvuyo olungenasiphelo kuyo yonke imeko. Oku kusenokubonakala kungenakwenzeka, kodwa unokukwenza oku ngokufunda oko iBhayibhile ikutshoyo ngeemvakalelo zakho zemvelo zobuntu nendlela yokuzilawula. Olu nqulo lugubungela imiceli mngeni eqhelekileyo kwaye ngamanye amaxesha engaqhelekanga esijongana nayo yonke imihla, kwaye ibonelela ngeembekiselo zeBhayibhile malunga nendlela yokulawula iimvakalelo zakho ngendlela kaThixo.

More

Sithanda ukubulela uCarol McLeod kunye neJust Joy Ministries ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: www.justjoyministries.com