Iimvakalelo eziNgcwele - Iimpendulo ezisebhayibhileni zayo yonke imingeniIsampulu
Eneneni andinazo impendulo zomlingo ngemizwa yakho evuthayo, kodwa ndinokuqonda okuthile ngendinoku nika kona eLizwini likaThixo. Ukuba unqwenela amandla okoyisa kwaye ukuba unqwenela ukukwazi ukuba ngulomntu uThixo akudalele ukuba ube nguye, ke qala ucele amandla akhe. Emva kokuba ucele amandla, uya kuwalinda lomandla. Ngelixa ulindileyo, uya kuqhubeka uzinikela emthandazweni.
Umthandazo uyanditshintsha. Ndingumntu ongcono xa ndithandaza. Usapho lwam lundithanda ngcono xa ndithandaza ndilindile. Xa ndithandaza, ndenza izigqibo zobulumko yaye ndiziva ndingumntu onobubele. Mhlawumbi isizathu sokuba ungazithandi ngexesha lomsindo weemvakalelo kungenxa yokuba awuwafumananga amandla okanye ubume bokulinda. Abona bantu banamandla endibaziyo ngamadoda nabafazi bakaThixo abathanda ukulinda beguqe ngamadolo. Ukuguqa asiyondawo yasemzini, inzima kwaba bantu batshintsha imbali kuba bayayiqonda into yokuba abantu abathandaza ngokwenene ngabaxhamli bamandla ezulu ebomini babo bemihla ngemihla.
Ungaze ukujongele phantsi ukubaluleka kwexesha olichitha yonke imihla uguqe ngamadolo, nto leyo eya kukwenza ukwazi ukoyisa iimvakalelo zakho ezingaphaya kwamandla akho. Iimvakalelo zenziwa ngabom, ziselula yaye maxa wambi zinobanobundlobongela yaye ziba yenye yezona mpembelelo zinamandla ekulawuleni iimvakalelo zomntu xa uguqe ngamadolo. Ukuphiliswa okwenzeka emphefumlweni womntu ngelixa umzimba ukwindawo yokuthandaza kungunaphakade kwaye kungummangaliso. Andinako ukufana noYesu ngaphandle kokuchitha ixesha ebukhoneni bakhe ndisemadolweni.
Ndiyakwazi "ukwenza" njengoYesu ngaphandle komthandazo. Ndingaphumelela imbasa yeAcademy Award ngokuncuma kamnandi kwaye ndicengceleze amazwi obubele ngelixa intliziyo yam igquma kwaye nengqondo yam inempindezelo. Nangona ndiyazi indlela yokuthetha amagama afanelekileyo, ukuba unokufuna ukubona umsi ophuma ezindlebeni zam ezihlatywe kabini! UYesu akanqweneli ukuba ndenze nje njengaye, kodwa ulangazelela ukuba ndifane naye, kwaye kukho umahluko omiselweyo. Umahluko uyenzeka xa ndilindile naxa ndithandaza kuba kulapho athi abe yiNkosi yeemvakalelo zam kunye nobomi bam bengcinga.

IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
UThixo wakwenza kwaye wakubeka ngalo mzuzu ngeli xesha, ukuba uthande abangathandekiyo, ubonakalise uxolo kwisiphithiphithi, kwaye ubonise uvuyo olungenasiphelo kuyo yonke imeko. Oku kusenokubonakala kungenakwenzeka, kodwa unokukwenza oku ngokufunda oko iBhayibhile ikutshoyo ngeemvakalelo zakho zemvelo zobuntu nendlela yokuzilawula. Olu nqulo lugubungela imiceli mngeni eqhelekileyo kwaye ngamanye amaxesha engaqhelekanga esijongana nayo yonke imihla, kwaye ibonelela ngeembekiselo zeBhayibhile malunga nendlela yokulawula iimvakalelo zakho ngendlela kaThixo.
More
Sithanda ukubulela uCarol McLeod kunye neJust Joy Ministries ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: www.justjoyministries.com