Iimvakalelo eziNgcwele - Iimpendulo ezisebhayibhileni zayo yonke imingeniIsampulu
Uya kuba ngulomntu uThixo akudalele ukuba ubenguye xa uthe wafumana lamandla akudalele ukuba ube nawo. Ndiyakwazi ukuba ngumntu oneemvakalelo ezigqithisileyo kangangokuba yonke into endinokuze ndiyenze kukucinga ngam nangendlela endiziva ngayo. Awudalelwanga ukuvakalisa iimvakalelo zakho ezingalawulekiyo; wadalelwa isiqhamo, ukuze ube nemisebenzi elungileyo, nangenxa yobukumkani bukaThixo, namandla.
Kukho amabinzana amabini ahlukileyo kwisibhalo esizakusifunda namhlanje aguqula ubomi kwaye aya kukubeka kwimeko yakho yeemvakalelo oyifanelweyo. “Niya kufumana amandla,” mhlawumbi lelona binzana linika umdla kuyo yonke iTestamente eNtsha. niya Niya kufumana amandla; Akunyanzelekanga ukuba uhambe ubomi ngamandla akho! Akunyanzelekanga ukuba waneliseke lilindle leemvakalelo okanye imithwalo yezizukulwana! Awunakuze uthathe igunya phezu kokuphazamiseka kweemvakalelo zakho de ufumane amandla oMoya oyiNgcwele.
“... Nibe ngamangqina am,” sisithembiso sesibini esichukumisayo kule ndinyana edumileyo. Ukwamkela amandla kaMoya oyiNgcwele kukwenza ube yile nto uThixo akudalele ukuba ube yiyo! Uyawadinga amandla kaThixo ukuze ube lingqina lobume bakhe ngeli xesha embalini. Uya kufumana amandla kwaye uya kuba njalo!
Awunakuze ube yiyo yonke le nto uThixo afuna ube yiyo de ufumane amandla akhe. UYesu wayesazi ukuba asiyi kuba nako ukuphila ubomi obuninzi emhlabeni ngaphandle kwamandla oMoya oyiNgcwele kwaye ke wasinika kanye loo mandla. ngamanye amaxesha ndithandaza lo mthandazo amatyeli amaninzi ngemini kuba ndingumfazi ophelelwe lithemba:
Moya oyiNgcwele, ndizalise ngamandla akho! Ndifuna konke onndibekele kona, ndifuna izipho zaKho neziqhamo zaKho. Ndifuna amandla aKho ngaphezu kwayo nantoni na namhlanje. Ukuba ufuna ndithandazele imimangaliso kunye nokuphiliswa, ndiya kuyenza, ngoko ndibale phakathi kwelonani! Ndifuna yonke into onayo yam. Ndifuna umonde nokukwazi ukuzibamba ukongezelela kuxolo novuyo nothando. Ndiya kuthatha onke amandla ozimisele ukuwaphosela ngakum.
Wenza ntoni ke? Kulungile ... ke wenza oko bonke abantu abondlenkileyo ngokweemvakalelo bakuthiyileyo ukwenza ngoba ke - uyalinda.

IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
UThixo wakwenza kwaye wakubeka ngalo mzuzu ngeli xesha, ukuba uthande abangathandekiyo, ubonakalise uxolo kwisiphithiphithi, kwaye ubonise uvuyo olungenasiphelo kuyo yonke imeko. Oku kusenokubonakala kungenakwenzeka, kodwa unokukwenza oku ngokufunda oko iBhayibhile ikutshoyo ngeemvakalelo zakho zemvelo zobuntu nendlela yokuzilawula. Olu nqulo lugubungela imiceli mngeni eqhelekileyo kwaye ngamanye amaxesha engaqhelekanga esijongana nayo yonke imihla, kwaye ibonelela ngeembekiselo zeBhayibhile malunga nendlela yokulawula iimvakalelo zakho ngendlela kaThixo.
More
Sithanda ukubulela uCarol McLeod kunye neJust Joy Ministries ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: www.justjoyministries.com