Ngaba Ngokwenene Ndinokusoyisa Isono Nesilingo?Isampulu
Ndinganqoba Njani Kwimfazwe Yakwa Moya Endiyilwa noSathana?
USathana ukhona nyhani, kodwa weyisiwe.
UYesu wehlela emhlabeni ukuze atshabalalise imisebenzi kaSathana (1 kaYohane 3:8). Xa iNkosi yethu yayifela emnqamlezweni, isono safa. Xa wayevuka engcwabeni, ingcwaba la lahlekelwa. Ngenye imini, uSathana uyakujulwa echibini lomlilo apho ayaku ngcungcutheka imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade (isiTyhilelo 20:10). USathana akayolawula esihogweni—uyokohlwaywa khona, unaphakade.
USathana usemfazweni noBawo wethu, yaye sikwithafa ledabi apho ungquzulwano lugquba khona. Akanakumenzakalisa uThixo ngoko uhlasela abantwana bakaThixo. Eyona ndlela yokundilimaza kukuhlasela oonyana bam.
Kulemfazwe yethu yakwamoya nolutshaba, sinqoba njani?
Okokuqala, mchase ngamandla kaThixo.
“Ngoko ke zinikeleni ngokupheleleyo kuThixo. Mchaseni uSathana azokunibaleka” (EkaYakobi 4:7). Lo mzuzu uhendwayo, nikezela umba kuThixo kwaye ukhethe ukuxhathisa: “Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu” (kwabase-Efese 4:27). Akusokuze kube lula ukwala isono xa siqala ukubonakala engqondweni okanye entliziyweni yakho.
Okwesibini, banga uloyiso lwakho ngamandla kaThixo.
UYihlo uthembisa ukuba akayi kuvumela isilingo engakhange akunike amandla okusoyisa (1 KwabaseKorinte 10:13). Xa utshaba luvela ebomini bakho, Yima kwesosithembiso. Fumana olo loyiso uThixo akuthembise lona.
Okwesithathu, xhoba isikrweqe sikaMoya oyiNgcwele.
Kwabase-Efese 6 siyabongozwa ukuba: “Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo. 11Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi. 12Ngokuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.” (vv. 10–12).
"Isikrweqe" sikaMoya siquka inyaniso kaThixo, ubulungisa, ivangeli, ukholo, intsindiso, iSibhalo, kwakunye nomthandazo (vv. 14–18). Yima ngezi zinto. Ziqhelanise nazo. Zithembe njengamandla kaThixo ebomini bakho. Zizakuba kukweyisa kwakho.
Ngoko ke, lindela ukuhendwa lutshaba lwakho oluzakutshabalala.
Iingonyama zigquma xa ziza kuhlasela kuphela. Yima emandleni kaThixo namhlanje. Xa usilela, yiya kuThixo ukuze akunike uxolelo, ubabalo, kunye noloyiso.
Kwaye xa Usathana ephinda ekukhumbuza ngokugqithileyo ebomini bakho, uze umkhumbuze ngekamva lakhe.
Malunga nesi Sicwangciso
Ngaba wakha wazibuza, ukuba “Kutheni ndisajijisana nesi sono?” Kwanompostile uPawulos wathetha njalo kwabaseRoma 7:15: “Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza.” Sisinqanda njani isono ekubeni sithintele ubomi bethu basemoyeni? Ngaba kunako ukwenzeka? Masixoxe ngesono, isihendo, uSathana, kwaye, ngombulelo, ngothando lukaThixo.
More