Ukukholelwa kuThixo Kuhle Nokuba KunjaniIsampulu

Believing God Is Good No Matter What

Usuku 3 LWE 5

Ukuba nguMfumani olungileyo

Ukufuna ukulunga kukaThixo yonke imihla kusinceda silindele ukuba izinto ezintle zibonakale ebomini bethu. Ukulunga kukaThixo akufihlwa, yaye inkoliseko yakhe ayibonakali manqapha-nqapha . . . kufuneka nje sibe namehlo afuna ukufumana. Asisoloko siluqonda kakuhle ubabalo lukaThixo, yiyo loo nto umpostile uPawulos wathandazela abahlobo bakhe ukuba bakhanyiselwe.

UPawulos wabhalela ibandla lase-Efese waza wabaxelela ukuba wayethandazela ukuba ‘akhanyiselwe amehlo entliziyo yabo. Nantsi into eyenzekayo: ubabalo luyasijikeleza. Xa ndiqala ukukhangela izinto ezilungileyo ebomini bam, ndiyaqonda ukuba zinokufumaneka kuyo yonke indawo nakwiindawo endingenakuzicingela. Ngamanye amaxesha xa ubabalo lukaThixo lubonakala kancinci, ku xa lusebenzela eyona nto ilungileyo ngenxa yethu. Qeqesha amehlo akho ukuba abone okulungileyo kwaye abukele okuhle okutyhiliweyo macala onke.

Inkoliseko kaThixo inokutsaleleka kuwe sisimo sengqondo sakho nangendlela ocinga ngayo, yaye inokuvalelekakuwe kwazizo kanye. Ukukhethwa kunokungakhethi buso ukusuka komnye umntu ukuya komnye, kodwa oko akuthethi ukuba kuyahambelana nezimo zengqondo kunye neengcinga zomntu wonke. Xa sikhetha ukuba ngumfumani olungileyo, oko kwandisa inkoliseko kaThixo ebomini bethu.

Khawucinge ngoku: Unokuqalisa njani ukuqeqesha ingqondo yakho igxile kwizinto ezilungileyo?

THANDAZA: Enkosi Thixo ngokundinika amandla okubuyisela ingqondo yam ukuze ndibone okuhle okuyinxalenye yobomi bam. Ndifuna ukuba ngumfumani olungileyo ukuze ndikwazi ukucinga kwaye ndilindele ngakumbi ubabalo lwakho yonke imihla. NgeGama likaYesu. Amen.

Usuku 2Usuku 4

Malunga nesi Sicwangciso

Believing God Is Good No Matter What

Kukho imiyalezo ethile namhlanje, ngaphandle nangaphakathi ebandleni, eye yangcolisa imiyalezo eyinyaniso sobabalo lukaThixo. Inyaniso kukuba uThixo akanyanzelekanga ukuba asinike izinto ezilungileyo—kodwa uyafuna! Ezintsuku zintlanu zilandelayo zingakunceda ukuba ujonge oko kukungqongileyo ngamehlo akwaziyo ukugqobhozela ngapha kokugqwetheka ubone ukulunga kukaThixo okungenakulinganiswa nokungenakuphikiswa.

More

Sithanda ukubulela iWaterBrook Multnomah Publishing Group ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: www.goodthingsbook.com