Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ukukholelwa kuThixo Kuhle Nokuba KunjaniSample

Believing God Is Good No Matter What

Usuku 1 LWE 5

Akukho kulunga ngaphandle koThixo.

Abanye abantu bacinga ukuba uThixo unomsindo ixesha elininzi kwaye inkoliseko yakhe ihlala okomzuzwana, kodwa iBhayibhile isixelela enye into! Uhlala ulukhozo lweliso lakhe nokuba uziva ngathi usisiqhamo esonakeleyo.

UThixo umkile kobo bubi ubenzileyo, nakulaa nto imbi uyithethayo. Usenokuba wayenomsindo okanye ephoxekile ngelo xesha, kodwa uye waqhubela phambili. Ngaba nawe? Awuna kuzikhathaza malunga nokungathandwa ngenxa yokusilela.

Ukulunga kukaThixo kuyaqhubeka yaye akupheli. Inceba yakhe ihleli kuthi, iphezu kwethu, nakuthi; Inceba kaThixo ingunaphakade!

Enyanisweni, ukulunga akukho ngaphandle koThixo; akuzange kuzivelele—ngaphandle kwakhe, okanye engekho. Ngokuqinisekileyo asiyonto isuka ebantwini (Ngaba kufuneka uqeqeshe abantwana bakho ukuba babe ngababi, okanye abalungileyo?).

UThixo ungumthombo wako konke ukulunga nazo zonke izinto ezilungileyo. Abanye abantu basakwahlula okulungileyo kuThixo, nto leyo enokwenza kwehle ufuna ukumbulela, ukumzukisa nokumnqula.

Esi sifundo simalunga nokuqalisa uhambo lokuqeqesha amehlo akho ukuze abone ukulunga okungabonakaliyo kukaThixo kunye nendlela inkoliseko yakhe ebonakala ngayo ebomini bakho bemihla ngemihla. Kwiintsuku ezi-5 ezizayo uya kuqala ukubona ubomi bakho ngamehlo obabalo lukaThixo.

Khawucinge ngoku: Ziziphi izinto ezintle ebomini bakho ekulula ukuzibetha ngoyaba?

THANDAZA: Thixo, ndiyabulela ngokubakho ebomini bam. Ndincede ndivule amehlo am ukuze ndibone ukuba ungumthombo wazo zonke izinto ezilungileyo kwaye uzisa ubabalo ebomini bam yonke imihla. NgeGama likaYesu. Amen.

Day 2

Malunga nesi Sicwangciso

Believing God Is Good No Matter What

Kukho imiyalezo ethile namhlanje, ngaphandle nangaphakathi ebandleni, eye yangcolisa imiyalezo eyinyaniso sobabalo lukaThixo. Inyaniso kukuba uThixo akanyanzelekanga ukuba asinike izinto ezilungileyo—kodwa uyafuna! Ezintsuku zintlanu zilandelayo zingakunceda ukuba ujonge oko kukungqongileyo ngamehlo akwaziyo ukugqobhozela ngapha kokugqwetheka ubone ukulunga kukaThixo okungenakulinganiswa nokungenakuphikiswa.

More

Sithanda ukubulela iWaterBrook Multnomah Publishing Group ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: www.goodthingsbook.com

I-YouVersion isebenzisa ii cookies ukwenza amava akho abe ngawe. Ngokusebenzisa i-website yethu, uyakwamkela ukusebenzisa kwethu ii cookies njengoko kuchaziwe kuMgaqo-nkqubo wethu