Ukukholelwa kuThixo Kuhle Nokuba KunjaniIsampulu

Believing God Is Good No Matter What

Usuku 2 LWE 5

Ubabalo loSapho

Ubabalo lukaThixo luqukuqela ngokwemvelo ebomini bethu njengoko inkoliseko kabawo iphumela ebomini babantwana bakhe. (Kwaye Ungowona mfanekiso mkhulu katata onokuthi uphuphe okanye ucinge ngaye.) UThixo uyakuthanda. Ukuthatha njengomntwana wakhe, kwaye oko kukwenza umamkeli wentsikelelo kwisizukulwana sakhe.

Musa ukuziva ngathi kufuneka ucele uxolo ebantwini, okanye wenze ngokusemthethweni ukulunga kukaThixo kwabo banokungaqondi okanye bangavumiyo. Kuhlala kukho abantu abalindele ukugxeka uloyiso lwakho okanye bangayihoyi intsikelelo yakho ngexesha elifanelekileyo, kuba beva ukuba kukho umntu ofaneleke ngakumbi kunawe. Ngapha koko, ukuba ukhe waziva ngathi umntu akafanelanga ntsikelelo ayifumeneyo (hee, sele sisuka sonke . . .), mhlawumbi unyanisile! Kodwa nali ixesha elibalulekileyo lenyaniso kuthi sonke: asinakucaphukela ubabalo ebomini bomnye umntu ukuba siyakulamkela kobethu.

Xa siqala ukuqonda ukuba isisa yimbonakaliso yobabalo lukaThixo, siyakwazi ukuqonda ukuba isisa esisifumanayo-kanye esifana nobabalo-asilingani noko kusifaneleyo..

Khawucinge ngoku: Yeyiphi eminye imizekelo ebomini bakho apho uye wafumana ubabalo ubungalilindelanga okanye olungakufanelanga?

THANDAZA: Thixo, ndiyabulela ngokuba unguBawo kum. Nokuba utata wam wasemhlabeni ebenjani, unguBawo onesisa kwaye unobabalo oluqhubekayo kwikamva lam. Ndifundise namhlanje ukwamkela isisa sosapho ondenzele sona njengomntwana wakho. NgeGama likaYesu. Amen.

 

Usuku 1Usuku 3

Malunga nesi Sicwangciso

Believing God Is Good No Matter What

Kukho imiyalezo ethile namhlanje, ngaphandle nangaphakathi ebandleni, eye yangcolisa imiyalezo eyinyaniso sobabalo lukaThixo. Inyaniso kukuba uThixo akanyanzelekanga ukuba asinike izinto ezilungileyo—kodwa uyafuna! Ezintsuku zintlanu zilandelayo zingakunceda ukuba ujonge oko kukungqongileyo ngamehlo akwaziyo ukugqobhozela ngapha kokugqwetheka ubone ukulunga kukaThixo okungenakulinganiswa nokungenakuphikiswa.

More

Sithanda ukubulela iWaterBrook Multnomah Publishing Group ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: www.goodthingsbook.com