Isiqinisekiso ngamaxesha angathembakalangaIsampulu
Izinto azihlali zihamba ngokwezicwangciso zethu, kodwa ziya kuhlala zibambelela kwizicwangciso zeNkosi.
Ubomi, nangona kunjalo, abuphilwa ngaphandle kwamagingxigingxi endleleni. Ukungaphumeleli akufumaneki phakathi kwala magingxigingxi, kufumaneka xa sivumela la magingxigingxi ukuba asimise kwiindlela zethu. Musa ukudimazeka kakhulu ekulibazisekeni kangangokuba unikezele ekuphumezeni injongo yakho. Asikwazi ukulawula okwenzekayo kuthi, sinokulawula kuphela impendulo yethu kulonto. Umfundisi uCharles R. Swindoll wakha wathi ubomi bulishumi lepesenti into eyenzekayo kuwe namashumi alithoba epesenti indlela osabela ngayo kulonto yenzekayo.
Ingqondo yakho yinto enamandla. Ndiyakholelwa ukuba abantu abaphumeleleyo abaphumeleli kuba benetalente okanye banobuchule obungakumbi. Abantu abaphumeleleyo baphumelele ngenxa yokuba banengqondo yempumelelo naxa bengaphumeleli.
Kufuneka siyithembe inkqubo, nokuba uhambo luba namatye. UThixo ukuphuhlisela icebo akudalele ukuba uliphile. UThixo usibeka kwinto endiyibiza ngokuba “ngamaxesha akolulayo” ukusilungiselela ngokwasengqondweni indawo esiya kuyo.
Ukuqiniseka ngamaxesha okungaqiniseki akuthethi ukuba awukuhoyi oko kwenzekayo kokukungqongileyo. Oku akuthethi ukuba awuyi kuba neemvakalelo zoloyiko, singabantu nje kuphela. Kuthetha ukuba thina, njengabalandeli bakaKristu, sikhetha ukuba nokholo phakathi koloyiko kunye nokungalunganga okunokuthi kusingqonge. Kuthetha ukuba nangona sinoloyiko ezingqondweni zethu, siyazi ukuba iNkosi iya kusinika nantoni na esiyifunayo ukuze siqhubeke.
Ngamaxesha okungaqiniseki, iBhayibhile yakho iqinisekile.
UThixo uqinisekile.
UYesu sele eyigxininisile ingqondo yakhe.
Uyabona, sisenokuba siphila kwihlabathi elilinganiselweyo kodwa sikhonza uThixo ongenasiphelo.
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Xa uzifumana ukwiimeko ongaqinisekanga ngazo, uThixo uqinisekile! Joyina uDavid Villa kwisicwangciso sakhe samva nje njengoko ejonge ngapha kokungaqiniseki kunye nokunganikisi mdla ukuze afikelele kwizinto ezintle.
More