Isiqinisekiso ngamaxesha angathembakalangaIsampulu

Certainty In Times Of Uncertainty

Usuku 1 LWE 5

 Yonke imihla, abantu kwihlabathi liphela bavula iTV zabo babukele iindaba.

Kuxoxwa ngemisitho yehlabathi phantse kuwo onke amajelo.

Izinto ezinganikisi mdla zigcwele kwi-intanethi yonke.

Amaphephancwadi namaphephandaba, nangona engathandwa njengangaphambili, asafumaneka ngobuninzi bawo.

Kwaye uloyiko kunye nobugwenxa busafumaneka ngobuninzi, ngokunjalo.

Awunako ukuziphepha ezonto. Sijongene nazo 24/7. Ubugwenxa sisibetho.

Kodwa senzani?

Sinyusa ivolyum.

Sicofe ikhonco le intanethi.

Sityhile kwiphepha elilandelayo.

Kwaye sivumele ububi bungene ezingqondweni zethu. Sixhalele kwa mfazwe esiyibona isenzeka, nasiphi na isifo esitsha esisibona sityhutyha, nantoni na eyenziwa zezeminotho.

Kutheni sisena lento nje? Yintoni umdla wethu kolu hlobo lolwazi?

Sigcwele uloyiko.

Asiyomfihlo into yokuba kukho ubumnyama obuninzi kweli hlabathi, obulungele ukutsalela phantsi kolawulo lwalo abo bakulungeleyo ukuphulaphula.

Kodwa kukwakho nokukhanya okuninzi.

Kwaye apho kukho ukukhanya, ubumnyama abunakweyisa.

Ukhanyiso obeluhlala lundikhanyisela ngamaxesha obumnyama lilizwi likaThixo. Ngoba nokuba yeyiphi imeko ozifumana ukuyo iBhayibhile inawo amanyathelo onokuwathatha ukuze ugqithe kulomeko. Ingxaki yezezimali, iingxaki zomtshato okanye zobudlelwane bakho nabanye abantu, iingxaki emsebenzini, esikolweni, iintlekele zehlabathi, zisuka zibeluthuthu xa zithelekiswa neNkosi, nase phakadeni. IBhayibhile yakho ingumthombo wakho wokukhanya okungapheliyo.

Nasenagumbini awona amnyama, xa ulayita isibane, ukukhanya bugxotha ubumnyama. Naxa ujongene nobubi, phakathi kweenzingo neentsizi, ukukhanya esikukhanyiselwa yiNkosi kuyoyisa. Akukhonto yodlula kona. Akukhonto iqaqambe ukwegqitha kona.

Phakathi kobumnyama, Ndikhetha ukufikelela ekukhanyeni. Ukuyivumela ukuba ikhanyise umoya wam kwaye ikhokele indlela eya kwiintsuku ezingcono.

Usuku 2

Malunga nesi Sicwangciso

Certainty In Times Of Uncertainty

Xa uzifumana ukwiimeko ongaqinisekanga ngazo, uThixo uqinisekile! Joyina uDavid Villa kwisicwangciso sakhe samva nje njengoko ejonge ngapha kokungaqiniseki kunye nokunganikisi mdla ukuze afikelele kwizinto ezintle.

More

Sithanda ukubulela uDavid Villa ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: https://davidvilla.me