IBhayibhile Iphelele Ngaphantsi KonyakaIsampulu

Whole Bible in Less Than a Year

Sivuyisana nawe! Ukuba usilandele sonke esi Sicwangciso, uyifunde yonke iBhayibhile! Wenze kakuhle. Ngaba uye waphawula ukuba iinxalenye ezahlukahlukeneyo zeBhayibhile zisebenza kunye? Njani? Ufunde ntoni kulo nyaka wokumamela uThixo eLizwini lakhe? Yabelana nomnye umntu ukuze umkhuthaze ukuba amazi ngakumbi uThixo ngeLizwi Lakhe.

Ukuba ufuna esinye isiCwangciso sonyaka onokusizama okulandelayo, jonga kwiSicwangciso esibizwa Umcelimngeni weeVeki ezingama-49. Iyafana nale, ngaphandle kokuba ilandela iTestamente eNtsha ngokulandelelana kwamaxesha endaweni yeTestamente eNdala. Ukuba ulonwabele uyilo lweSicwangciso kodwa ufuna isantya esicothayo esakusa kuyo yonke iBhayibhile, ungazama iSicwangciso esibizwa ngokuba Ibhayibhile Yonke Ngaphantsi kweminyaka emi-2.

Usuku 341

Malunga nesi Sicwangciso

Whole Bible in Less Than a Year

Esi Sicwangciso seBhayibhile sihamba kuyo yonke iBhayibhile ngokufundwa kweTestamente eNdala neNtsha yonke imihla. Uyakulandela iTestamente eNdala ngokolandelelwano lwamaxesha, kunye neencwadi, yeNdumiso kunye nabaprofeti ezidityaniswayo njengoko zihambelana nembali. Yonke imihla iquka isicatshulwa esisuka kwiTestamente eNtsha ukubonisa ukuba iBhayibhile ilibali elinye elalatha kuYesu. Rhoqo kusuku lwesixhenxe uyakunqumama ukuze ucamngce ngoko ukufundayo.

More

Sithanda ukubulela iLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku www.life.church