IBhayibhile Iphelele Ngaphantsi KonyakaIsampulu

Whole Bible in Less Than a Year

Usuku 1 LWE 342

Wamkelekile kwesiSicwangciso SeBhayibhile esigubungela iBhayibhile yonke! Enye yeendlela ezihamba phambili zokuhamba yonke lendlela ukuya ekupheleni kukufumana umhlobo okanye ababini abafuna ukwenza iSicwangciso esifanayo ngexesha elinye. Ngubani onokummema ukuba ahambe nawe kolu hambo? Ninokufunda kunye usebenzisa izicwangciso Nabahlobo apha kwi-App yeBhayibhile yeYouVersion, okanye ninokufunda ngokwahlukeneyo nize nincokole kube kanye ngeveki ngento eniyifundayo..

Njengokuba ulungiselela ukufunda namhlanje, cela uThixo akutyhilele into. Phawula naziphi na izithembiso onokuzithemba, imiyalelo yokuthobela, iinyaniso ofanele uzilandele, izilumkiso ofanele uzithobele, okanye naluphi na ukhuthazo onokulufumana. Emva kokuba ufunde iZibhalo zanamhlanje, nantsi imibuzo emibini omawunqumame kwaye ucamngce ngayo:

Yintoni oyifundayo ngoThixo, ngawe okanye ngehlabathi?

Ngaba ikho ivesi okanye ingcamango enye oyithandayo namhlanje? Thetha noThixo ngayo.
Usuku 2

Malunga nesi Sicwangciso

Whole Bible in Less Than a Year

Esi Sicwangciso seBhayibhile sihamba kuyo yonke iBhayibhile ngokufundwa kweTestamente eNdala neNtsha yonke imihla. Uyakulandela iTestamente eNdala ngokolandelelwano lwamaxesha, kunye neencwadi, yeNdumiso kunye nabaprofeti ezidityaniswayo njengoko zihambelana nembali. Yonke imihla iquka isicatshulwa esisuka kwiTestamente eNtsha ukubonisa ukuba iBhayibhile ilibali elinye elalatha kuYesu. Rhoqo kusuku lwesixhenxe uyakunqumama ukuze ucamngce ngoko ukufundayo.

More

Sithanda ukubulela iLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku www.life.church