Uguqulo Lonyana Wolahleko kunye noKyle IdlemanIsampulu

Prodigal Son Transformation With Kyle Idleman

Usuku 5 LWE 7

“UKUNYANISEKA – Ukunyaniseka okuzisa impiliso”

Inkoliso yamaKristu iyakuqonda yaye iyakwamkela ukubaluleka kokunyaniseka, kokubini kubo nakuThixo. Kweyoku-1 kaYohane ibhayibhile isixelela ukuba xa sizivuma izono zethu kuThixo, uthembekile yaye ulilungisa ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi. IBhayibhile ikwathi uYesu wasithathela kuye isohlwayo esisifaneleyo xa wayesifa emnqamlezweni. UYesu wafela izono zam, ukuze xa ndizivumayo, uThixo azixolele.

Amaxesha amaninzi, sizixelela ukuba akunyanzelekanga ukuba lento ibheke phambili: “Ukuba ndinyanisekile kum nakuThixo, kwanele ngoku.” Kodwa i-AHA idinga okungaphezulu kunoko.

UYakobi 5:16 uthetha ngokuvuma izono zethu omnye komnye nokuthandazelana “ukuze niphiliswe.” Xa sinyanisekile kuThixo ngezono zethu, uyasixolela, kodwa xa sinyanisekile kwabanye, siyaphiliswa.

Kuthetha ukuthini "ukuphiliswa"?

Kaloku, uqheliselo lokuvuma izono zethu omnye komnye lusenza siphendule yaye lusinceda sifumane ukhuthazo esilufunayo ukuze siqhawule umjikelo wokuzabalaza kwethu nesono. Xa sithatha into ebesiyigcine ebumnyameni kwaye siyirhuqele, ikhaba kwaye ikhala, ekukhanyeni, sifumanisa ukuba ilahlekelwa ngamandla amakhulu phezu kwethu.

Kwaye oku kuphiliswa athetha ngako uYakobi kokwenyani ngakumbi kunokuba ucinga. Jonga oku: Incwadi yenzululwazi yezengqondo yanamhlanje enomxholo othi 'Coping with Stress' iqinisekisa amandla aphilisayo okuvuma izono. Umbhali uthi, “abantu abadla ngokugcina iimfihlo banezikhalazo ezininzi ngokwasemzimbeni nasengqondweni, ngokomyinge, kunabantu abanga… [kuquka] ukuxhalaba okukhulu, ukudakumba, kunye neempawu zomzimba ezifana neentlungu zomqolo neentloko ezibuhlungu… Ukuhlazeka ngenxa yokuvuma izono kudla ngokogqithwa sisiqabu esiziswa kukuthetha ngeenkalo ezifihlakeleyo ezimnyama.”

IMizekeliso 28:13 iphinda oku kufunyanisiweyo: “Osifihlayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo; ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba.”

* Isenzo sokuvuma izono zakho kwabanye sikuncede njani kwixesha elidlulileyo? Ngaba kukho naziphi na izono ezifihlakeleyo obuzivalele, ungazimiselanga ukuziveza ekukhanyeni?

Usuku 4Usuku 6

Malunga nesi Sicwangciso

Prodigal Son Transformation With Kyle Idleman

Kuthathwe kwincwadi yakhe ethi "AHA," joyina uKyle Idleman njengoko efumanisa izinto ezi-3 ezinokusisondeza kuThixo kwaye zitshintshe ubomi bethu ngendlela elungileyo. Ngaba ukulungele ukuchitha umzuzu noThixo otshintsha yonke into?

More

Sithanda ukubulela uDavid C Cook ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: http://www.dccpromo.com/aha/