Uguqulo Lonyana Wolahleko kunye noKyle IdlemanIsampulu

Prodigal Son Transformation With Kyle Idleman

Usuku 4 LWE 7

“UKUNYANISEKA - Ukuthetha nesiqu sam”

Sibona isithako sesibini (Ukunyaniseka Okungenalusini) se-AHA kuLuka 15: 17: "Wathi ngaphakathi kuye…”

Kwakungekho mntu wumbi. Yayinguye kunye neehagu. Ngamanye amaxesha eyona ncoko inzima iba yile unayo nesiqu sakho. Ukunyaniseka okungqongqo kuqala xa sizijonga esipilini size sithethe inyaniso ngoko sikubonayo. I-AHA ifuna ukuba uthethe inyaniso ngawe, kuwe.

UNyana wolahleko wayenyanisekile kwisiqu sakhe ngoko kumfaneleyo. Olo hlobo lokunyaniseka lunzima. Singathanda ukuvuswa ngaphandle kokunyaniseka okungenalusini.

Njengomfazi oziqaphelayo ukuba uyagxeka kodwa angavumi ukuthi, “Bendiphazama ngokugxeka. Ndiyazi ukuba umyeni wam ufuna ukhuthazo nenkxaso yam, kodwa ndiye ndakhalaza ndaza ndagxeka.”

Njengomyeni osiqondayo isono sakhe esingokwesini kodwa angavumi ukuthi, “Ingxaki yam yokubukela amanyala idale uqhekeko emtshatweni wam yaza yayenza lukhuni intliziyo yam emfazini wam.”

Ukuphepha ukunyaniseka kuyalushunqula utshintsho oluhlala luhleli. Xa kukho ukuqaphela ngaphandle kokuguquka, i-AHA ayenzeki. Xa uNyana Wolahleko ebuyela ezingqondweni, waziphatha ngokunyanisekileyo. Ukuvuswa kufuneka kukhokelela ekunyanisekeni. Ukweyiseka kufuneka kukhokelele ekuvumeni izono.

Ngapha koko, uBawo wethu osezulwini ubona yaye wazi zonke izinto, ngoko asikokubanjiswa. Ukunyaniseka endithetha ngako kungaphezulu kokuvuma nje; luhlobo oluthile lokwaphuka. Ewe, uyamxelela umntu okubhaqileyo ukuba uyaxolisa, kodwa kufuneka udlulele apho. Ngomzuzu onyanisekileyo ngawo kuxa kungekho mntu ukhoyo, kufuneka uzixelele inyani ngawe kwaye wazi ukuba uyaxolisa.

Lowo ngumahluko phakathi kokuzisola nokuguquka.

* Ngaba uye walandela ukuvuswa ngokunyaniseka ngokukrakra kuwe? Ngaba unyanisekile ngokwaneleyo kuwe ukuba ubone ukwaphuka kobuwena kunye nendlela ekungamkholisi ngayo uThixo?

Usuku 3Usuku 5

Malunga nesi Sicwangciso

Prodigal Son Transformation With Kyle Idleman

Kuthathwe kwincwadi yakhe ethi "AHA," joyina uKyle Idleman njengoko efumanisa izinto ezi-3 ezinokusisondeza kuThixo kwaye zitshintshe ubomi bethu ngendlela elungileyo. Ngaba ukulungele ukuchitha umzuzu noThixo otshintsha yonke into?

More

Sithanda ukubulela uDavid C Cook ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: http://www.dccpromo.com/aha/