Uguqulo Lonyana Wolahleko kunye noKyle IdlemanIsampulu

Prodigal Son Transformation With Kyle Idleman

Usuku 2 LWE 7

“UKUVUSWA - Ukubuyela Ezingqondweni”

Sihlala siziphosa izivusi ezitshoyo ecaleni kwethu ngoba asizithambelanga. Isivusi esithambileyo sohadi asiyi kuwenza umsebenzi—izakuthatha isivusi esikhalayo ukusivusa. Ngoko endaweni yokusabela kwisivusi kwangethuba, sihlala sicofa iqhosha lokuba siphinde sikhale ngelinye ixesha. Isivusi siyesikhwaza ngokukhwaza side senze isithukuthezi singakwazi ukungasihoyi. Ke sivuke, sihlikihle amehlo ethu, sijonge macala onke, sifumane iihagu zolahleko zisingqongile, kwaye sizibuza ukuba yenzeke njani le nto.

Nanku umbuzo wam kuwe: Ngaba kukho izivusi ezikhalayo ebomini bakho ngoku?

ESibhalweni kukho inani lemizekelo yendlela uThixo avakalisa ngayo isivusi. Amaxesha amaninzi isivusi sivakala kwangoko ukuze sisivuse phambi kokuba izinto ziwohloke. Ngamanye amaxesha abantu bacinga ukuba kufuneka babetheke elityeni ngaphambi kokuba babuyele ezingqondweni, kodwa kuye kuthini xa uThixo ezama ukukuvusa ngoku ukuze akusindise entliziyweni ebuhlungu kwiLizwe elikude elizayo?

Eyesi-2 yeziKronike 36:15 ithetha ngendlela uThixo ahlaba umkhosi ngayo ukuze alumkise abantu bakhe. Ibinzana elithi “ukuvuka kusasa” alithethi ukuba uThixo uphume kwangoko ebhedini. Endaweni yoko iqondwa ngcono “njengokuthatha inyathelo kwangoko.” Kulo mxholo, kuthetha ukuba Wakhalisa isivusi ngokukhawuleza njengoko iingxaki zazibonwa.

Kwaye ke sifunda ukuba kwakutheni ukuze alumkise: “… ngokuba wayenemfesane ngabantu bakhe…” Ezi zilumkiso zenzelwe thina, ngokuba uThixo uyasithanda.

* Ngaba kukho naziphi na izivusi obungazihoyi, ukhetha ukuzicima kunokuvuka? Ngaba ungacinga ngalo naliphi na ixesha xa uThixo wayekunika izilumkiso zakwangoko ukuze akusindise kwintlungu yokwaphuka kwentliziyo/isono?

Usuku 1Usuku 3

Malunga nesi Sicwangciso

Prodigal Son Transformation With Kyle Idleman

Kuthathwe kwincwadi yakhe ethi "AHA," joyina uKyle Idleman njengoko efumanisa izinto ezi-3 ezinokusisondeza kuThixo kwaye zitshintshe ubomi bethu ngendlela elungileyo. Ngaba ukulungele ukuchitha umzuzu noThixo otshintsha yonke into?

More

Sithanda ukubulela uDavid C Cook ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: http://www.dccpromo.com/aha/