Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KWABASEROMA 15:14-33

KWABASEROMA 15:14-33 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, nínako nokululekana. Kodwa ke ndibhalile kuni ngobuganga obukhulu kwezinye iindawo, bazalwana, ngokophindayo ukunikhumbuza ngenxa yobabalo awandibabala ngalo uThixo, ukuze ndibe ngobúsela iintlanga kuYesu Kristu, osebenza ububingeleli ngazo iindaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kúngcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele. Ngoko ndiyazingca, ndíkuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo. Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngezinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi, ngamandla emiqondiso nezimanga, ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu. Ndenjénjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye; kube njengokuba kubhaliwe, kwathiwa, Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona; Nabo bangevanga nto, baya kuqonda. (UIsaya 52:15) Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni. Ngoku ke ndíngasenandawo nje kule mimandla, ndíneminyaka ke emininzi ndilangazelela ukuza kuni, xa ndihambela kwelaseSpani, ndoza kuni; kuba ndithemba ukunibona xa ndicandayo kuni, nokuphelekelelwa nini ukuya khona, ukuba ndithe kuqala ndakha ndadlelana nani ngokwaneleyo. Kalokunje ke ndisinga eYerusalem, ndisiya kulungiselela abangcwele. Kuba kwakholeka kwabelaseMakedoni nabelaseAkaya, ukuba badlelane namahlwempu abo bangcwele baseYerusalem ngokuwupha okuthile. Ndithi kwakholeka kubo, kuba kakade banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zifanele ukubabusela ngezizezenyama. Ngoko, ndakuba ndikufinyezile oko, ndasinqabisela kubo eso siqhamo, ndobuya ngani ukuya kwelaseSpani. Ndiyazi ke ukuba ndothi, ndakuza kuni, ndize ndinentsikelelo ezalisekileyo yeendaba ezilungileyo zikaKristu. Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangalo uthando loMoya, ukuba nizame kunye nam ekundithandazeleni kuye uThixo, ukuze ndihlangulwe kwabaziingqola kwelakwaYuda, nokuze ulungiselelo lwam olusinga eYerusalem lube nokwamkeleka kakuhle kubo abangcwele, ukuze ndize kuni ndinovuyo, ngokuthanda kukaThixo, siphumzane. UThixo ke woxolo makabe nani nonke. Amen.

KWABASEROMA 15:14-33 IBHAYIBHILE (XHO96)

Mawethu, ndiqinisekile ukuba ningabantu abalungileyo, abanolwazi olunzulu, abanako nokucebisana. Kodwa ke, mawethu, kwezinye iindawo ndinibhalele ndithetha ngokuphandle, ndinikhumbuza kwakhona ngeendawo ezithile. Ndithethe ngokuphandle ngenxa yobabalo uThixo awandibabala ngalo, ubabalo ke lokuba ngumkhonzi kaKrestu Yesu olungiselela iintlanga. Ngokushumayela iindaba ezimnandi zikaThixo ndisebenza okombingeleli, ukuze iintlanga zibe nokuba lidini elamkelekileyo kuThixo, lingcwaliswe nguMoya oyiNgcwele. Ekubeni ndimkhonza ngolu hlobo uThixo, ndimanywe noKrestu Yesu, ndifanele ukuba neqhayiya. Ke mna andinabuganga bakuthetha nto ngazinto angazisebenzanga ngam uKrestu. UKrestu wasebenza ngam ukuze iintlanga zimlulamele, esebenza ngamazwi am nangezenzo zam, esebenza ngamandla emiqondiso nemimangaliso, nangamandla oMoya. Ndithe ke ndaqala eJerusalem, ndajikeleza ndaya kutsho nakwelaseIliriko, ndizivakalisa kuyo yonke indawo iindaba ezimnandi zikaKrestu. Ndihlala ndizimisele ukushumayela iindaba ezimnandi apho kungekaviwa nto khona ngoKrestu, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye, kodwa kube njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Abo bangaxelelwanga nto ngaye, baya kubona; nabo bengevanga nto, baya kuqonda.” Ngenxa yoko bendisoloko ndixakekile, andabi nako ukunihambela. Ngoku ke, ekubeni ndingasenandawo emandiyihambele kule mimandla, nasekubeni ndineminyaka emininzi ndilangazelela ukunihambela, ndothi ke xa ndihambela eSpeyini, ndinityelele nani, kuba ndinethemba lokunibona xa ndigqitha apho. Emva kokuba ke sendikhe ndaba lundwendwe phakathi kwenu okwexeshana, ndinethemba lokuba nondixhasa ukuya eSpeyini. Kodwa okwangoku ndisaya eJerusalem, ukuya kulungiselela abantu bakaThixo. Kaloku kwakholeka kwabaseMakedoni nabaseAkaya ukuba babancede abantu bakaThixo baseJerusalem abasweleyo. Benjenjalo kuba babemelwe kakade kukwenjenjalo. Kaloku ekubeni amakholwa angamaJuda ethe anikela ngezinto ezizezoMoya kwiintlanga, kufanelekile ukuba namakholwa aziintlanga anikele kumaJuda ngezinto zokuxhasa ubomi. Ndakuba ke ndiwugqibile lo msebenzi, ndiyinikele kuwo loo mali, ndothi xa ndiya eSpeyini, ndinityelele. Xa ndinityelelayo ke, ndiqinisekile ukuba ndoniphathela zonke iintsikelelo asisikelela ngazo uKrestu. Ke kaloku, mawethu, ndiyanibongoza ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu nangenxa yokusithanda kwakhe uMoya, ukuba nindithandazele kuThixo, njengokuba nam ndizithandazela. Ndithandazela ukuba ndihlangulwe kwabangamphulaphuliyo uThixo abakwelakwaJuda. Ndithandazela nokuba kwamkeleke ukubalungiselela kwam abantu bakaThixo abaseJerusalem, khon' ukuze ndinihambele ngovuyo ngemvume kaThixo, sichwayitisane. Ke kaloku uThixo, imbangi yoxolo, makabe nani nonke. *Amen.

KWABASEROMA 15:14-33 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, ninako nokululekana. Ke kaloku, mawethu, ndinibhalele ngobubele obungasifanelanga, ndisithi, ndinikhumbuza, ngako ubabalo endababalwa ngalo nguThixo; ukuze ndibe ngumlungiseleli kaYesu Kristu kuzo iintlanga, osebenza ubulungiseleli beendaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kungcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele. Ngoko ke ndiyazingca, ndikuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo. Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngazinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi; Ngamandla emiqondiso nezimanga, ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu. Ndenjenjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye; kube njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona; nabangevanga nto baya kuqonda. Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni. Ngoku ke ndingasenandawo nje kule mimandla, ndiseneminyaka emininzi ndilangazelela ukuza kuni, xa ndihambela kwelaseSpani, ndoza kuni; kuba ndithemba ukunibona xa ndicandayo kuni, nokuphelekelelwa nini ukuya khona, ukuba ndithe kuqala ndakha ndadlelana nani ngokwaneleyo. Ngoku ke ndisinga eYerusalem, ndisiya kulungiselela abangcwele. Kuba kwakholeka kwabelaseMakedoni nabelaseAkaya, ukuba badlelane namahlwempu abo bangcwele baseYerusalem ngokuwupha okuthile. Inene, kukholekile kubo; banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zikwafanele ukubabusela ngezizezenyama. Ngoko ke, ndakuba ndikufinyezile oko, ndasinqabisela kubo eso siqhamo, ndobuya ngani ukuya kwelaseSpani. Ndiyazi ke ukuba ndothi, ndakuza kuni, ndize ndinentsikelelo ezalisekileyo yeendaba ezilungileyo zikaKristu. Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangenxa yothando loMoya, ukuba nikhuthalele kunye nam ekundithandazeleni kuThixo; ukuze ndihlangulwe kwabangakholwayo kwelakwaYuda; ukuze ulungiselelo lwam olusingisele kwiYerusalem lwamkeleke kubo abangcwele; ukuze ndize kuni ndinovuyo, ngokuthanda kukaThixo, siphumzane. uThixo ke woxolo makabe nani nonke. Amen.

KWABASEROMA 15:14-33 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU ndikoliwe ngani, bazalwana bam! kwa mna ngokwam, ukuba nani ngokwenu nizele kukulunga, nizalisiwe kuko konke ukwazi, ninamandla okululekana kanjako. Kodwa ndiba̔lile ngokukalipileyo ngakumbi kuni, bazalwana! ngenxenye, njengonikumbuzayo, ngenxa yofefe endanikwa lona NGUTIXO, ukuba ndibe ngumkonzi ka‐Yesu Kristu ukuya kubaheyideni, ndisenza isikonzo somperisite evangelini KATIXO, ukuze ukunikelwa kwabaheyideni kube kukolekile, kungcwalisiwe NGOMOYA OYINGCWELE. Ndingaqa̔yisa ngoko ku‐Yesu Kristu ngezozinto zilunge KUTIXO. Ngokuba ndingayi kuka ndilinge ukuteta ngezozinto angazenzanga u‐Kristu ngam, kuze kuviwe ngabaheyideni, ngelizwi nangesenzo, emandleni emiqondiso nemimangaliso, emandleni OMOYA KATIXO; ndide ndati kwa kuyo i‐Yerusaleme nendawo ezipahlayo kwada kwase‐Lirikume, ndakolisa ukushumayela ivangeli ka‐Kristu; ndizamela kodwa ukuba ndenje nje ukuyishumayela, kungabi lapo u‐Kristu waselekankanyelwa kona, ukuze ndingaki pezu kwokuseka kwomnye umntu; koko, njengokuba kuba̔liwe: Abo kwakungatyelwanga nto ngaye kubo baya kubona; nabo bangevanga baya kuqonda. Ngako oku kanjalo ndibe nditintelwa futi kangaka ekuzeni kuni. Kodwa kaloku nje, ndingasenayo indawo kulamazwe, ndinesilangazelelo kanjako leminyaka mininzi sokuba ndize kuni, xeshekweni kusukuba ndihambela e‐Sipene, ndoza kuni: ngokuba nditemba ukunibona ekudluleni kwam, nokupelekelelwa nini ngakona, xeshekweni nditi kuqala ngenxenye ndikoliswe nini. Kodwa kaloku nje ndiyahambela e‐Yerusaleme, ndikonza abangcwele. Ngokuba kwanga kulungile kwabase‐Masedoniya nakwabase‐Akaiya, ukwenzela amahlwempu pakati kwabangcwele abase‐Yerusaleme umnikelo otile. Kwanga kulungile kubo; kanjalo banetyala kuwo. Ngokuba abaheyideni ukuba babelwe izinto zawo ezibumoya, bafanelwe kuko nokuba bakonze kuwo ezintweni ezibunyama. Ndiya kuti ngoko, nxa ndikufezile oku, nanxa ndisiqinisele kuwo isiqa̔mo esi, ndibuye ngani ukuya e‐Sipene. Kanjalo ndiyazi ukuba ndoti, ndakuza kuni, ndize ekuzaleni kwetamsanqa levangeli ka‐Kristu. Kekaloku ndiyanikunga, bazalwana! ngayo INKOSI yetu u‐Yesu Kristu, nangalo utando LWOMOYA, ukuba nizame kunye nam ekunditandazeleni KUTIXO; ukuze ndihlangulwe kubo abangevayo e‐Judeya; nokuze ukonzo lwam olwenzelwa i‐Yerusaleme lube lukole kile kwabangcwele; ukuze ndize ngovuyo kuni ngayo intando KATIXO, ndifumane ukupumla kunye nani. Wanga ke UTIXO woxolo angaba nani nonke. Amene.