KwabaseRoma KwabaseRoma 15
KwabaseRoma 15
1Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo, singazikholisi. 2Masithi sonke ngabanye simkholise ummelwane kokulungileyo ukuze akheke. 3Kuba naye uKristu akazikholisanga; wathi, njengokuba kubhaliwe, Iingcikivo zabakungcikivayo zawa phezu kwam. 4Kuba zonke izinto ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba. 5Wanga ke uThixo wonyamezelo novuselelo anganinika ukucinga nto-nye phakathi kwenu, ngokukaKristu Yesu; 6ukuze nithi, nimxhelo mnye, engamlomo mnye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu. 7Kungoko ndithi, Yamkelanani, njengokuba naye uKristu wasamkelayo, ukuba kuzukiswe uThixo. 8Ndithi ke, uYesu Kristu waba ngumlungiseleli wolwaluko ngenxa yenyaniso kaThixo, ukuze aqinise izithembiso zakhe koobawo; 9zithi ke iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yoko, ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga, Ndilibethele uhadi igama lakho. 10Kananjalo athi, Yibani nemihlali, zintlanga, ndawonye nabantu bakhe. 11Kananjalo, Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga; nimdumise, nonke nina bantu. 12Kananjalo uIsaya uthi, Liya kubakho iHlumelo likaYese; Uya kuvela oya kulawula iintlanga; ziya kuthembela kuye iintlanga. 13Wanga ke uThixo wethemba angcwalise ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele. 14Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, ninako nokululekana. 15Ke kaloku, mawethu, ndinibhalele ngobubele obungasifanelanga, ndisithi, ndinikhumbuza, ngako ubabalo endababalwa ngalo nguThixo; 16ukuze ndibe ngumlungiseleli kaYesu Kristu kuzo iintlanga, osebenza ubulungiseleli beendaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kungcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele. 17Ngoko ke ndiyazingca, ndikuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo. 18Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngazinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi; 19Ngamandla emiqondiso nezimanga, ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu. 20Ndenjenjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye; 21kube njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona; nabangevanga nto baya kuqonda. 22Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni. 23Ngoku ke ndingasenandawo nje kule mimandla, ndiseneminyaka emininzi ndilangazelela ukuza kuni, 24xa ndihambela kwelaseSpani, ndoza kuni; kuba ndithemba ukunibona xa ndicandayo kuni, nokuphelekelelwa nini ukuya khona, ukuba ndithe kuqala ndakha ndadlelana nani ngokwaneleyo. 25Ngoku ke ndisinga eYerusalem, ndisiya kulungiselela abangcwele. 26Kuba kwakholeka kwabelaseMakedoni nabelaseAkaya, ukuba badlelane namahlwempu abo bangcwele baseYerusalem ngokuwupha okuthile. 27Inene, kukholekile kubo; banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zikwafanele ukubabusela ngezizezenyama. 28Ngoko ke, ndakuba ndikufinyezile oko, ndasinqabisela kubo eso siqhamo, ndobuya ngani ukuya kwelaseSpani. 29Ndiyazi ke ukuba ndothi, ndakuza kuni, ndize ndinentsikelelo ezalisekileyo yeendaba ezilungileyo zikaKristu. 30Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangenxa yothando loMoya, ukuba nikhuthalele kunye nam ekundithandazeleni kuThixo; 31ukuze ndihlangulwe kwabangakholwayo kwelakwaYuda; ukuze ulungiselelo lwam olusingisele kwiYerusalem lwamkeleke kubo abangcwele; 32ukuze ndize kuni ndinovuyo, ngokuthanda kukaThixo, siphumzane. 33uThixo ke woxolo makabe nani nonke. Amen.
Currently Selected:
KwabaseRoma KwabaseRoma 15: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.