KwabaseRoma KwabaseRoma 14
KwabaseRoma 14
1Lowo uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa ke kungabi ngokucalula zicamango. 2Omnye ukholwa ukuba angazidla izinto zonke; kodwa yena oswele amandla udla imifuno. 3Lowo udlayo, makangamenzi into engeyakonto ongadliyo; nalowo ungadliyo, makangamgwebi odlayo; kuba uThixo umamkele. 4Ungubani na wena ugweba isicaka somnye? Ukuma kwaso, nokuba kukuwa kwaso, kusenkosini yaso, ewe, uya kuma, kuba uThixo unako ukummisa. 5Omnye umntu ubeka umhla othile kunomnye umhla, wumbi ke ubeka imihla yonke. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo. 6Lowo uwunyamekelayo umhla, uwunyamekelela iNkosi; nalowo ungawunyamekeliyo umhla, engawunyamekeli nje, wenzela iNkosi; lowo udlayo, udlela iNkosi, kuba ebulela kuThixo; nalowo ungadliyo, akadli nje, wenzela iNkosi, ube ebulela kuThixo. 7Kuba akukho namnye kuthi uzidlelayo ubomi, akukho namnye uzifelayo. 8Kuba nokuba sithi sidle ubomi, sibudlela iNkosi; nokuba sithi sife, sifela iNkosi. Ngoko ke, nokuba sithi sidle ubomi, nokuba sithi sife, singabeNkosi. 9Kuba uKristu wafa, wabuya wavuka, wabuya wadla ubomi, ngenxa yoku, ukuze aphathe ubukhosi kwabafileyo, kwanakwabaphilileyo. 10Ke wena, yini na ukuba umgwebe umzalwana wakho? Yini na ukuba umenze into engeyakonto umzalwana wakho? kuba siya kuma sonke phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu. 11Kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndihleli nje mna, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo, Zidumise uThixo zonke iilwimi. 12Ngoko ke elowo kuthi uya kuziphendulela kuThixo. 13Ngoko ke masingabi sagwebana, kodwa makungabikho bani ubeka isikhubekiso okanye umkhubekiso komnye nomnye. 14Ndiyazi, ndeyisekile, ndiseNkosini uYesu nje, ukuba akukho nto iyinqambi ngokwayo; kodwa ke kuye obalela into ekuthini iyinqambi, kulowo iyinqambi. 15Ukuba ke umzalwana wakho wenziwa buhlungu ngenxa yokusuka udle, akusahambi ngokothando. Musa ukumtshabalalisa ngokudla kwakho, yena lowo uKristu wamfelayo. 16Ngoko okulungileyo kwenu makunganyeliswa. 17Kaloku ubukumkani bukaThixo abukukudla nakusela; bubulungisa, noxolo, novuyo kuMoya oyiNgcwele. 18Kuba omkhonzayo uKristu kwezo zinto, ukholekile kakuhle kuye uThixo; 19Masiphuthume ke izinto ezisingisa eluxolweni, nezinto zokwakhana. 20Musani ukuwuchitha umsebenzi kaThixo ngenxa yokutya. Zonke izinto okunene zinyulu; kodwa kubi kuloo mntu udlayo esikhubekisa. 21Kulungile ukuba ungatyi nyama, ungaseli wayini, nokuba ungamkhubekisi umzalwana wakho, nokuba akhubeke, nokuba buthathaka. 22Unokholo na? Yiba nalo kuwe phambi koThixo. Unoyolo lowo ungazigwebiyo kuloo nto ayicikidayo. 23Ke lowo uthandabuzayo, ukuba uthe wadla, uselegwetyiwe, kuba engadli ngokwaselukholweni;
Currently Selected:
KwabaseRoma KwabaseRoma 14: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.