Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, ninako nokululekana. Ke kaloku, mawethu, ndinibhalele ngobubele obungasifanelanga, ndisithi, ndinikhumbuza, ngako ubabalo endababalwa ngalo nguThixo; ukuze ndibe ngumlungiseleli kaYesu Kristu kuzo iintlanga, osebenza ubulungiseleli beendaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kungcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele. Ngoko ke ndiyazingca, ndikuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo. Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngazinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi; Ngamandla emiqondiso nezimanga, ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu. Ndenjenjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye; kube njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona; nabangevanga nto baya kuqonda. Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni. Ngoku ke ndingasenandawo nje kule mimandla, ndiseneminyaka emininzi ndilangazelela ukuza kuni, xa ndihambela kwelaseSpani, ndoza kuni; kuba ndithemba ukunibona xa ndicandayo kuni, nokuphelekelelwa nini ukuya khona, ukuba ndithe kuqala ndakha ndadlelana nani ngokwaneleyo. Ngoku ke ndisinga eYerusalem, ndisiya kulungiselela abangcwele. Kuba kwakholeka kwabelaseMakedoni nabelaseAkaya, ukuba badlelane namahlwempu abo bangcwele baseYerusalem ngokuwupha okuthile. Inene, kukholekile kubo; banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zikwafanele ukubabusela ngezizezenyama. Ngoko ke, ndakuba ndikufinyezile oko, ndasinqabisela kubo eso siqhamo, ndobuya ngani ukuya kwelaseSpani. Ndiyazi ke ukuba ndothi, ndakuza kuni, ndize ndinentsikelelo ezalisekileyo yeendaba ezilungileyo zikaKristu. Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangenxa yothando loMoya, ukuba nikhuthalele kunye nam ekundithandazeleni kuThixo; ukuze ndihlangulwe kwabangakholwayo kwelakwaYuda; ukuze ulungiselelo lwam olusingisele kwiYerusalem lwamkeleke kubo abangcwele; ukuze ndize kuni ndinovuyo, ngokuthanda kukaThixo, siphumzane. uThixo ke woxolo makabe nani nonke. Amen.