Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 15:14-33

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 15:14-33 XHO1902A

KEKALOKU ndikoliwe ngani, bazalwana bam! kwa mna ngokwam, ukuba nani ngokwenu nizele kukulunga, nizalisiwe kuko konke ukwazi, ninamandla okululekana kanjako. Kodwa ndiba̔lile ngokukalipileyo ngakumbi kuni, bazalwana! ngenxenye, njengonikumbuzayo, ngenxa yofefe endanikwa lona NGUTIXO, ukuba ndibe ngumkonzi ka‐Yesu Kristu ukuya kubaheyideni, ndisenza isikonzo somperisite evangelini KATIXO, ukuze ukunikelwa kwabaheyideni kube kukolekile, kungcwalisiwe NGOMOYA OYINGCWELE. Ndingaqa̔yisa ngoko ku‐Yesu Kristu ngezozinto zilunge KUTIXO. Ngokuba ndingayi kuka ndilinge ukuteta ngezozinto angazenzanga u‐Kristu ngam, kuze kuviwe ngabaheyideni, ngelizwi nangesenzo, emandleni emiqondiso nemimangaliso, emandleni OMOYA KATIXO; ndide ndati kwa kuyo i‐Yerusaleme nendawo ezipahlayo kwada kwase‐Lirikume, ndakolisa ukushumayela ivangeli ka‐Kristu; ndizamela kodwa ukuba ndenje nje ukuyishumayela, kungabi lapo u‐Kristu waselekankanyelwa kona, ukuze ndingaki pezu kwokuseka kwomnye umntu; koko, njengokuba kuba̔liwe: Abo kwakungatyelwanga nto ngaye kubo baya kubona; nabo bangevanga baya kuqonda. Ngako oku kanjalo ndibe nditintelwa futi kangaka ekuzeni kuni. Kodwa kaloku nje, ndingasenayo indawo kulamazwe, ndinesilangazelelo kanjako leminyaka mininzi sokuba ndize kuni, xeshekweni kusukuba ndihambela e‐Sipene, ndoza kuni: ngokuba nditemba ukunibona ekudluleni kwam, nokupelekelelwa nini ngakona, xeshekweni nditi kuqala ngenxenye ndikoliswe nini. Kodwa kaloku nje ndiyahambela e‐Yerusaleme, ndikonza abangcwele. Ngokuba kwanga kulungile kwabase‐Masedoniya nakwabase‐Akaiya, ukwenzela amahlwempu pakati kwabangcwele abase‐Yerusaleme umnikelo otile. Kwanga kulungile kubo; kanjalo banetyala kuwo. Ngokuba abaheyideni ukuba babelwe izinto zawo ezibumoya, bafanelwe kuko nokuba bakonze kuwo ezintweni ezibunyama. Ndiya kuti ngoko, nxa ndikufezile oku, nanxa ndisiqinisele kuwo isiqa̔mo esi, ndibuye ngani ukuya e‐Sipene. Kanjalo ndiyazi ukuba ndoti, ndakuza kuni, ndize ekuzaleni kwetamsanqa levangeli ka‐Kristu. Kekaloku ndiyanikunga, bazalwana! ngayo INKOSI yetu u‐Yesu Kristu, nangalo utando LWOMOYA, ukuba nizame kunye nam ekunditandazeleni KUTIXO; ukuze ndihlangulwe kubo abangevayo e‐Judeya; nokuze ukonzo lwam olwenzelwa i‐Yerusaleme lube lukole kile kwabangcwele; ukuze ndize ngovuyo kuni ngayo intando KATIXO, ndifumane ukupumla kunye nani. Wanga ke UTIXO woxolo angaba nani nonke. Amene.