Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KWABASEROMA 15:1-20

KWABASEROMA 15:1-20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo, singazikholisi. Masithi sonke ngabanye simkholise ummelwane kokumlungeleyo, ukuze akheke. Kuba naye uKristu akazikholisanga; wathi, njengokuba kubhaliwe, Iingcikivo zabakungcikiváyo záwa phezu kwam. Kuba izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba. Wanga ke uThixo wonyamezelo novuselelo anganinika ukucinga nto-nye phakathi kwenu, ngokukaKristu Yesu; ukuze nithi, nimxhelo mnye, nimzukise ngamlomo mnye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu. Kungoko ndithi, Yamkelanani, njengokuba naye uKristu wasamkelayo, ukuba kuzukiswe uThixo. Ke kaloku ndithi, uYesu Kristu waba ngumlungiseleli wolwaluko ngenxa yenyaniso kaThixo, ukuze aqiniseke amadinga akhe koobawo; zithi ke iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yoko, ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga, Ndilibethele uhadi igama lakho. (INdum. 18:49) Kananjalo athi, Yibani nemihlali, zintlanga, ndawonye nabantu bakhe. (IDut. 32:43) Kananjalo, Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga, Niyibonge, nonke nina bantu. (INdum. 117:1) Kananjalo uIsaya uthi, Liya kubakho iHlumelo likaYese; Úya kuvela oya kulawula iintlanga; Ziya kuthembela kuye iintlanga. (UIsaya 11:110) Wanga ke uThixo wethemba elo anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele. Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, nínako nokululekana. Kodwa ke ndibhalile kuni ngobuganga obukhulu kwezinye iindawo, bazalwana, ngokophindayo ukunikhumbuza ngenxa yobabalo awandibabala ngalo uThixo, ukuze ndibe ngobúsela iintlanga kuYesu Kristu, osebenza ububingeleli ngazo iindaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kúngcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele. Ngoko ndiyazingca, ndíkuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo. Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngezinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi, ngamandla emiqondiso nezimanga, ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu. Ndenjénjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye

KWABASEROMA 15:1-20 IBHAYIBHILE (XHO96)

Thina ke sinokholo olomeleleyo simelwe kukuthwalisana ubunzima nabo balukholo lubuthathaka. Masingazikholisi thina ziqu, koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo. Kaloku naye uKrestu akazikholisanga, njengoko nazo *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Izingcikivo zabakungcikivayo zathwalwa ndim.” Kaloku zonke izinto eziseziBhalweni zabhalelwa ukusifundisa, khon' ukuze sihlale sihleli sinethemba ngonyamezelo nenkuthazo esizifumana kuzo iziBhalo. Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu, ukuze nithi, ngamxhelo mnye, nimdumise ngazwi-nye uThixo, uYise weNkosi uYesu Krestu. Yamkelanani ke, njengokuba naye uKrestu wasamkelayo, ukuze adunyiswe uThixo. Ke kaloku ndithi, uKrestu waba ngumkhonzi wamaJuda, ukubonisa ukuba uThixo unyanisekile, uyazizalisekisa izithembiso awazenzayo *kumanyange. Ngokunjalo uKrestu wayenza le nto ukuze neentlanga zimdumise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Ngenxa yoko ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga, ndiliculele indumiso igama lakho.” Kananjalo zithi: “Yibani nemihlali ndawonye nabantu bakhe, nina zintlanga.” Kananjalo: “Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga; yibongeni, nonke nina zizwe.” Kananjalo noIsaya uthi: “Liya kubakho iHlumelo likaJese. Uya kuvela oya kulawula iintlanga. Ziya kuthembela kuye izizwe.” Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele. Mawethu, ndiqinisekile ukuba ningabantu abalungileyo, abanolwazi olunzulu, abanako nokucebisana. Kodwa ke, mawethu, kwezinye iindawo ndinibhalele ndithetha ngokuphandle, ndinikhumbuza kwakhona ngeendawo ezithile. Ndithethe ngokuphandle ngenxa yobabalo uThixo awandibabala ngalo, ubabalo ke lokuba ngumkhonzi kaKrestu Yesu olungiselela iintlanga. Ngokushumayela iindaba ezimnandi zikaThixo ndisebenza okombingeleli, ukuze iintlanga zibe nokuba lidini elamkelekileyo kuThixo, lingcwaliswe nguMoya oyiNgcwele. Ekubeni ndimkhonza ngolu hlobo uThixo, ndimanywe noKrestu Yesu, ndifanele ukuba neqhayiya. Ke mna andinabuganga bakuthetha nto ngazinto angazisebenzanga ngam uKrestu. UKrestu wasebenza ngam ukuze iintlanga zimlulamele, esebenza ngamazwi am nangezenzo zam, esebenza ngamandla emiqondiso nemimangaliso, nangamandla oMoya. Ndithe ke ndaqala eJerusalem, ndajikeleza ndaya kutsho nakwelaseIliriko, ndizivakalisa kuyo yonke indawo iindaba ezimnandi zikaKrestu. Ndihlala ndizimisele ukushumayela iindaba ezimnandi apho kungekaviwa nto khona ngoKrestu, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye

KWABASEROMA 15:1-20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo, singazikholisi. Masithi sonke ngabanye simkholise ummelwane kokulungileyo ukuze akheke. Kuba naye uKristu akazikholisanga; wathi, njengokuba kubhaliwe, Iingcikivo zabakungcikivayo zawa phezu kwam. Kuba zonke izinto ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba. Wanga ke uThixo wonyamezelo novuselelo anganinika ukucinga nto-nye phakathi kwenu, ngokukaKristu Yesu; ukuze nithi, nimxhelo mnye, engamlomo mnye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu. Kungoko ndithi, Yamkelanani, njengokuba naye uKristu wasamkelayo, ukuba kuzukiswe uThixo. Ndithi ke, uYesu Kristu waba ngumlungiseleli wolwaluko ngenxa yenyaniso kaThixo, ukuze aqinise izithembiso zakhe koobawo; zithi ke iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yoko, ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga, Ndilibethele uhadi igama lakho. Kananjalo athi, Yibani nemihlali, zintlanga, ndawonye nabantu bakhe. Kananjalo, Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga; nimdumise, nonke nina bantu. Kananjalo uIsaya uthi, Liya kubakho iHlumelo likaYese; Uya kuvela oya kulawula iintlanga; ziya kuthembela kuye iintlanga. Wanga ke uThixo wethemba angcwalise ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele. Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, ninako nokululekana. Ke kaloku, mawethu, ndinibhalele ngobubele obungasifanelanga, ndisithi, ndinikhumbuza, ngako ubabalo endababalwa ngalo nguThixo; ukuze ndibe ngumlungiseleli kaYesu Kristu kuzo iintlanga, osebenza ubulungiseleli beendaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kungcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele. Ngoko ke ndiyazingca, ndikuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo. Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngazinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi; Ngamandla emiqondiso nezimanga, ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu. Ndenjenjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye

KWABASEROMA 15:1-20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kanjalo tina banamandla sifanelwe kukutwala ubutataka babaswel’ amandla, singazikolisi. Masiti sonke ngabanye sikolise abamelwane betu ngoko kubalungele kube kukumiswa. Ngokuba no‐Kristu ebengazikolisi; koko, njengokuba kuba̔liwe: Izituko zabo babetuka wena zawa pezu kwam. Ngokuba konke okube kuba̔liwe pambili bekuba̔lelwe okwetu ukufundiswa, ukuze siti ngawo umonde nolwonwabiso lweziba̔lo sibe netemba. Wanga ke UTIXO womonde nolwonwabiso anganinika okokuba nibe nokuvumelana omnye nomnye njengokuka‐Kristu Yesu: ukuze kwa ngentliziyo nye niti ngomlomo mnye nimdumise yena UTIXO noyise WENKOSI yetu u‐Yesu Kristu. Ngako oko yamkelanani, njengokuba no‐Kristu wasamkela tina, kube kukudunyiswa KUKATIXO. Nditi kekaloku, u‐Yesu Kristu wenziwe umkonzi wolwaluko, ngenxa yenyaniso KATIXO, kuze kuqiniswe amadinga abebekelwa oyise: bati ke abaheyideni badumise UTIXO ngenxa yobubele bake; njengokuba kuba̔liwe ukuti: Ngenxa yoku ndobulela kuwe pakati kwabaheyideni, ndicule egameni lako. Uti nakanjako: Vuyani, baheyideni! kunye nabantu bake. Nakanjako: Dumisani UYEHOVA, nonke nina baheyideni! nimbonge, nonke nina zizwe! Nakanjako, u‐Yisaya uti: Kwobako ingcambo ka‐Jese, novukayo ukuba yinkosi pezu kwabaheyideni; kwa kuyo yona abaheyideni baya kutemba. Wanga ke UTIXO wetemba anganizalisa ngalo lwonke uvuyo noxolo ekukolweni, nize nikolise ukwanda etembeni, ngamandla OMOYA OYINGCWELE. KEKALOKU ndikoliwe ngani, bazalwana bam! kwa mna ngokwam, ukuba nani ngokwenu nizele kukulunga, nizalisiwe kuko konke ukwazi, ninamandla okululekana kanjako. Kodwa ndiba̔lile ngokukalipileyo ngakumbi kuni, bazalwana! ngenxenye, njengonikumbuzayo, ngenxa yofefe endanikwa lona NGUTIXO, ukuba ndibe ngumkonzi ka‐Yesu Kristu ukuya kubaheyideni, ndisenza isikonzo somperisite evangelini KATIXO, ukuze ukunikelwa kwabaheyideni kube kukolekile, kungcwalisiwe NGOMOYA OYINGCWELE. Ndingaqa̔yisa ngoko ku‐Yesu Kristu ngezozinto zilunge KUTIXO. Ngokuba ndingayi kuka ndilinge ukuteta ngezozinto angazenzanga u‐Kristu ngam, kuze kuviwe ngabaheyideni, ngelizwi nangesenzo, emandleni emiqondiso nemimangaliso, emandleni OMOYA KATIXO; ndide ndati kwa kuyo i‐Yerusaleme nendawo ezipahlayo kwada kwase‐Lirikume, ndakolisa ukushumayela ivangeli ka‐Kristu; ndizamela kodwa ukuba ndenje nje ukuyishumayela, kungabi lapo u‐Kristu waselekankanyelwa kona, ukuze ndingaki pezu kwokuseka kwomnye umntu