Kanjalo tina banamandla sifanelwe kukutwala ubutataka babaswel’ amandla, singazikolisi. Masiti sonke ngabanye sikolise abamelwane betu ngoko kubalungele kube kukumiswa. Ngokuba no‐Kristu ebengazikolisi; koko, njengokuba kuba̔liwe: Izituko zabo babetuka wena zawa pezu kwam. Ngokuba konke okube kuba̔liwe pambili bekuba̔lelwe okwetu ukufundiswa, ukuze siti ngawo umonde nolwonwabiso lweziba̔lo sibe netemba. Wanga ke UTIXO womonde nolwonwabiso anganinika okokuba nibe nokuvumelana omnye nomnye njengokuka‐Kristu Yesu: ukuze kwa ngentliziyo nye niti ngomlomo mnye nimdumise yena UTIXO noyise WENKOSI yetu u‐Yesu Kristu. Ngako oko yamkelanani, njengokuba no‐Kristu wasamkela tina, kube kukudunyiswa KUKATIXO.
Nditi kekaloku, u‐Yesu Kristu wenziwe umkonzi wolwaluko, ngenxa yenyaniso KATIXO, kuze kuqiniswe amadinga abebekelwa oyise: bati ke abaheyideni badumise UTIXO ngenxa yobubele bake; njengokuba kuba̔liwe ukuti: Ngenxa yoku ndobulela kuwe pakati kwabaheyideni, ndicule egameni lako. Uti nakanjako: Vuyani, baheyideni! kunye nabantu bake. Nakanjako: Dumisani UYEHOVA, nonke nina baheyideni! nimbonge, nonke nina zizwe! Nakanjako, u‐Yisaya uti: Kwobako ingcambo ka‐Jese, novukayo ukuba yinkosi pezu kwabaheyideni; kwa kuyo yona abaheyideni baya kutemba. Wanga ke UTIXO wetemba anganizalisa ngalo lwonke uvuyo noxolo ekukolweni, nize nikolise ukwanda etembeni, ngamandla OMOYA OYINGCWELE.
KEKALOKU ndikoliwe ngani, bazalwana bam! kwa mna ngokwam, ukuba nani ngokwenu nizele kukulunga, nizalisiwe kuko konke ukwazi, ninamandla okululekana kanjako. Kodwa ndiba̔lile ngokukalipileyo ngakumbi kuni, bazalwana! ngenxenye, njengonikumbuzayo, ngenxa yofefe endanikwa lona NGUTIXO, ukuba ndibe ngumkonzi ka‐Yesu Kristu ukuya kubaheyideni, ndisenza isikonzo somperisite evangelini KATIXO, ukuze ukunikelwa kwabaheyideni kube kukolekile, kungcwalisiwe NGOMOYA OYINGCWELE. Ndingaqa̔yisa ngoko ku‐Yesu Kristu ngezozinto zilunge KUTIXO. Ngokuba ndingayi kuka ndilinge ukuteta ngezozinto angazenzanga u‐Kristu ngam, kuze kuviwe ngabaheyideni, ngelizwi nangesenzo, emandleni emiqondiso nemimangaliso, emandleni OMOYA KATIXO; ndide ndati kwa kuyo i‐Yerusaleme nendawo ezipahlayo kwada kwase‐Lirikume, ndakolisa ukushumayela ivangeli ka‐Kristu; ndizamela kodwa ukuba ndenje nje ukuyishumayela, kungabi lapo u‐Kristu waselekankanyelwa kona, ukuze ndingaki pezu kwokuseka kwomnye umntu