Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo, singazikholisi. Masithi sonke ngabanye simkholise ummelwane kokulungileyo ukuze akheke. Kuba naye uKristu akazikholisanga; wathi, njengokuba kubhaliwe, Iingcikivo zabakungcikivayo zawa phezu kwam. Kuba zonke izinto ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba. Wanga ke uThixo wonyamezelo novuselelo anganinika ukucinga nto-nye phakathi kwenu, ngokukaKristu Yesu; ukuze nithi, nimxhelo mnye, engamlomo mnye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu. Kungoko ndithi, Yamkelanani, njengokuba naye uKristu wasamkelayo, ukuba kuzukiswe uThixo. Ndithi ke, uYesu Kristu waba ngumlungiseleli wolwaluko ngenxa yenyaniso kaThixo, ukuze aqinise izithembiso zakhe koobawo; zithi ke iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yoko, ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga, Ndilibethele uhadi igama lakho. Kananjalo athi, Yibani nemihlali, zintlanga, ndawonye nabantu bakhe. Kananjalo, Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga; nimdumise, nonke nina bantu. Kananjalo uIsaya uthi, Liya kubakho iHlumelo likaYese; Uya kuvela oya kulawula iintlanga; ziya kuthembela kuye iintlanga. Wanga ke uThixo wethemba angcwalise ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele. Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, ninako nokululekana. Ke kaloku, mawethu, ndinibhalele ngobubele obungasifanelanga, ndisithi, ndinikhumbuza, ngako ubabalo endababalwa ngalo nguThixo; ukuze ndibe ngumlungiseleli kaYesu Kristu kuzo iintlanga, osebenza ubulungiseleli beendaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kungcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele. Ngoko ke ndiyazingca, ndikuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo. Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngazinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi; Ngamandla emiqondiso nezimanga, ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu. Ndenjenjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye