IINDUMISO 11:4-5
IINDUMISO 11:4-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
UNdikhoyo ukwibhotwe lakhe elilodwa, uhlel' esihlalweni sakhe ezulwini. Uyabagqala oonyana babantu, uyazibona izintw' abazenzayo, uyabavavany' abalungileyo nabagwenxa, abathiye ngentiyokazi enkulu abaphalazi-gazi.
IINDUMISO 11:4-5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UYehova, ulotempile yakhe iyingcwele, UYehova, ulotrone yakhe isemazulwini, Amehlo akhe ayababona, iinkophe zakhe ziyabacikida oonyana babantu. UYehova uyalicikida ilungisa; Ke yena ongendawo nothanda ukugonyamela, úmthiyile umphefumlo wakhe.
IINDUMISO 11:4-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
UNdikhoyo ukwibhotwe lakhe elilodwa, uhlel' esihlalweni sakhe ezulwini. Uyabagqala oonyana babantu, uyazibona izintw' abazenzayo, uyabavavany' abalungileyo nabagwenxa, abathiye ngentiyokazi enkulu abaphalazi-gazi.
IINDUMISO 11:4-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYehova usetempileni yakhe engcwele, itrone kaYehova isemazulwini; uYehova uyalilinga ilungisa, kodwa abangendawo nabathanda ugonyamelo bawuthiyile umoya wakhe.
IINDUMISO 11:4-5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UYEHOVA usetempileni yake eyingcwele; isihlalo sobukumkani SIKAYEHOVA sisezulwini; amehlo ake ayakangela, inkope zake ziyalinga, onyana babantu. UYEHOVA uyalinga olungileyo; kuloko umpefumlo wake uzonda okohlakeleyo notanda ubudlwengu.