Amaculo 11

11
ICULO XI.
Liba̔lelwe umhlabeli omkulu: elika‐Davide.
1NDITEMBELE kuyehova mna; niti nina ukuti kumpefumlo wam: Pepela entabeni yakowenu njengentaka? 2Ngokuba, kangela, abakohlakeleyo bayatyeda isipeta; bayalungisa utolo lwabo entanjeni, ukuze batole ngasese ngakuye olungileyo ngentliziyo. 3Nxa zicitiwe izisekelo, angati nina olungileyo?
4 Uyehova usetempileni yake eyingcwele; isihlalo sobukumkani sikayehova sisezulwini; amehlo ake ayakangela, inkope zake ziyalinga, onyana babantu. 5Uyehova uyalinga olungileyo; kuloko umpefumlo wake uzonda okohlakeleyo notanda ubudlwengu. 6Uya kunisa pezu kwabakohlakeleyo imigibe, — umlilo, nesufure, nomoya wolwopu: isabelwa sendebe yabo soba njalo ke. 7Ngokuba uyehova olungileyo etanda ubulungisa; ubuso bake buyakangela olungisayo.

Currently Selected:

Amaculo 11: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena