Amaculo 12
12
ICULO XII.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngokwesheminiti.
1SIZA, Yehova! ngokuba ababedeshayo bepela: ngokuba abenyaniso bencipeka pakati kwonyana babantu. 2Bayateta ubuxoki umntu kummelwane wake; bayateta ngomlomo obutelezi, nangentliziyo mbini. 3Uyehova uya kunqamla yonke imilomo ebutelezi, nolwimi oluteta izinto ezinkulu: 4abate: Siya kweyisa ngelwimi zetu; imilomo yeyetu; ngubanina oyinkosi pezu kwetu?
5Ngenxa yokubandezelwa kwamahlwempu, ngenxa yokugula kwabasweleyo, kaloku ndiya kuvuka, utsho uyehova: ndiya kumbeka ekugcinekeni lowo amcekisayo.
6Amazwi kayehova ngamazwi amhlope; njengesilivere ilingiwe esinyibilikisweni somhlaba, ecokisiweyo kasixe̔nxe. 7Wena, Yehova! uya kubagcina, wobalondoloza kwesisizukulwana kude kube ngunapakade. 8Abakohlakeleyo bayahambahamba ngamacala onke, nxa kupakanyiswa ubuncwangu bonyana babantu.
Currently Selected:
Amaculo 12: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
![None](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapi.com%2F58%2Fhttps%3A%2F%2Fweb-assets.youversion.com%2Fapp-icons%2Fxh.png&w=128&q=75)
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.