Iindumiso Iindumiso 11

Iindumiso 11
uYehova ulilungisa uthanda okusesikweni
1Umhobe kaDavide. Ndikholose ngoYehova; Ningathini na ukuthi kumphefumlo wam, Balekela entabeni yakho njengentaka?
2Ngokuba, yabonani, abangendawo batola isaphetha sabo, Bexunele iintolo zabo entanjeni, Ukuba bazingele abathe tye entsithelweni.
3Xa iziseko zithe zagungxulwa, lingenza ntoni na ilungisa?
4uYehova usetempileni yakhe engcwele, itrone kaYehova isemazulwini;
5uYehova uyalilinga ilungisa, kodwa abangendawo nabathanda ugonyamelo bawuthiyile umoya wakhe.
6Uya kuyinisa phezu kwabangendawo imigibe, nomlilo, nesulfure, nesaqhwithi esoyikekayo; ibe sisabelo sendebe yabo.
7Ngokuba uYehova ulilungisa uthanda ubulungisa; Amalungisa ayabubona ubuso bawo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena