IINDUMISO 11
11
Ilungisa lizímela ngoYehova
Kumongameli. EkaDavide.
1Ndizímela ngoYehova;
Ningáthini na ukuthi kumphefumlo wam,
Balekela entabeni yakho njengentaka?
2Ngokuba nâbó abangendawo begoba isaphetha,
Bezilungisile iintolo zabo entanjeni,
Ukuba batole besithele kwabantliziyo zithe tye.
3Xa iziseko zithe zagungxulwa,
Ilungisa linokuthini na?
4UYehova, ulotempile yakhe iyingcwele,
UYehova, ulotrone yakhe isemazulwini,
Amehlo akhe ayababona, iinkophe zakhe ziyabacikida oonyana babantu.
5UYehova uyalicikida ilungisa;
Ke yena ongendawo nothanda ukugonyamela, úmthiyile umphefumlo wakhe.
6Úya kubanisela abangendawo imigibe;
Umlilo, nesulfure, nomoya olulophu, yindebe yabo abayabelweyo;
7Ngokuba lilungisa uYehova; uthanda imisebenzi yobulungisa;
Othe tye uya kububona ubuso bakhe.
Currently Selected:
IINDUMISO 11: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.