UMARKO 12:1-12
UMARKO 12:1-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waqala ukuthi kubo ngemizekeliso, Umntu watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. Wathi ngelona xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso. Basuka bona bambamba, bamtyabula, bamndulula elambatha. Wabuya wathuma kubo omnye umkhonzi; lowo bamgibisela ngamatye, bamngxwelerha entloko, bamndulula bemhlazisile. Wabuya wathuma omnye; lowo bambulala. Wathuma nabanye babaninzi, inxenye beyityabula, inxenye beyibulala. Uthe ngoko, esenaye unyana emnye, intanda yakhe, wamthuma naye kubo ukugqibela, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. Ke bona abo balimi bathi phakathi kwabo, Yindlalifa lo; yizani simbulale, ilifa libe lelethu. Bamthabatha ke, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya. Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso. Anisilesanga na esi sibhalo sithi, Ilitye abalicekisáyo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; Kwavela eNkosini oku, Kungummangaliso emehlweni ethu? (INdum. 118:2223) Baya befuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka.

UMARKO 12:1-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waza ke uYesu wathetha nabo ngemizekeliso, esithi: “Umntu othile watyala isidiliya, wasibiyela, wemba isixovulelo seediliya, wakha imboniselo, wasiqeshisa kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe. Ngexesha lokuvuthwa kweziqhamo ke, wathuma isicaka kwabo balimi, ukuze bamnike eziqhameni zesidiliya eso. Basuka bona basihlasela, basibetha, basindulula singaphathanga nto. Wabuya ke wathuma esinye isicaka kubo. Sona basigqebha iinduma, basihlazisa. Wabuya wathuma esinye, baza basibulala eso sicaka. Wathuma nezinye ke zazininzi, baza inxenye bayibetha, inxenye bayibulala. Wathi ngoko, kusele mntu mnye angámthumayo, unyana oyintanda, wamthuma kubo ekugqibeleni, esithi: ‘Baya kumhlonela yena unyana wam.’ Ke bona abo balimi bathi omnye komnye: ‘Yindlalifa le. Masiyibulale, ilifa libe lelethu.’ Bambamba ke unyana lowo, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya. “Uya kwenza ntoni na ke ngoko umnini-sidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele bantu bambi eso sidiliya. Niyifundile kaloku *eziBhalweni indawo ethi: “ ‘Ilitye abalidelayo abakhi lilo elaba lelona libalulekileyo lesiseko. Oku kwênzeka kuvela eNkosini; kungummangaliso emehlweni ethu.’ ” Ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho namadoda amakhulu babefuna ukumbamba ke uYesu, kuba kwakuqondakele ukuba uzekelisa ngabo. Kodwa babesoyika isihlwele, baza bamyeka bemka.
UMARKO 12:1-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waza waqala ukuthetha nabo ngemizekeliso. Ubani watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. Wathi ngelo xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso. Basuka bona bambamba, bamtyabula, bamndulula elambatha. Wabuya wathuma kubo omnye umkhonzi; lowo bamgibisela ngamatye, bamngxwelerha entloko, bamndulula ehlazekile. Wabuya wathuma omnye; naye bambulala, nabanye abaninzi; inxenye beyityabula, inxenye beyibulala. Uthe ngoko, esenaye unyana emnye, intanda yakhe, wamthuma naye kubo ukugqibela, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. Kodwa abo balimi bathetha bodwa besithi, Yindlalifa le; yizani simbulale, libe lelethu ilifa. Bamthabatha ke, bambulala, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya. Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso. Anisilesanga na esi sibhalo; Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; Le nto yenziwe yiNkosi, yaye iyamangalisa emehlweni ethu? Baza bafuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka.
UMARKO 12:1-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza waqala ukuteta kubo ngemizekeliso, esiti: Umntu otile watyala isitiya, wasibiyela ngotango, wembela ifatye yeveyine, waka inqaba, wasiqeshisela kubalimi, waza wahambela kwelinye ilizwe. Wati ngexesha elifanelekileyo watuma kubalimi isicaka, ukuze samkele kubalimi kwiziqa̔mo zesitiya. Kodwa basitabata basityabula, basindulula singenanto. Waza wabuya watuma kubo esinye isicaka; neso basigibisela ngamatye basenzela inxeba entloko, basindulula sipetwe ngento ehlazekileyo. Wabuya watuma nesinye; neso basibulala: kwa nezinye ezininzi, inxenye bezityabula, inxenye bezibulala. Ngako esenonyana emnye, umtandwa wake, wamtuma naye kubo ngokugqibela, esiti: Baya kumhlonela unyana wam. Kodwa abalimi abo batsho pakati kwabo ukuti: Lo uyindlalifa; yizani, masimbulale, lize ilifa libe leletu. Baza bamtabata bambulala, bamku̔pela ngapandle kwesitiya. Uya kwenza nto nina ngoko umninisitiya? uya kuza atshabalalise abobalimi, anike isitiya kwabanye. Anileseshanga na esisiba̔lo sokuti: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi; bekukukwenza KUKAYEHOVA oku, kungummangaliso ke emehlweni etu? Baye befuna ukumbamba, kanti basoyika isihlwele; ngokuba bebenakene ukuba lomzekeliso wawuteta ngakubo; baza bamshiya bemka.