uMarko uMarko 12
uMarko 12
1Waza waqala ukuthetha nabo ngemizekeliso. Ubani watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. 2Wathi ngelo xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso. 3Basuka bona bambamba, bamtyabula, bamndulula elambatha. 4Wabuya wathuma kubo omnye umkhonzi; lowo bamgibisela ngamatye, bamngxwelerha entloko, bamndulula ehlazekile. 5Wabuya wathuma omnye; naye bambulala, nabanye abaninzi; inxenye beyityabula, inxenye beyibulala. 6Uthe ngoko, esenaye unyana emnye, intanda yakhe, wamthuma naye kubo ukugqibela, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. 7Kodwa abo balimi bathetha bodwa besithi, Yindlalifa le; yizani simbulale, libe lelethu ilifa. 8Bamthabatha ke, bambulala, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya. 9Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso. 10Anisilesanga na esi sibhalo; Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; 11Le nto yenziwe yiNkosi, yaye iyamangalisa emehlweni ethu? 12Baza bafuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka. 13Bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha kwakhe. 14Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo ufundisa ngayo ngenyaniso, kuKesare, akunjalo? 15Sirhole, okanye masingaphi? Ke yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo, Nindilingelani na? Ndiziseleni idenariyo, ndiyibone. 16Bayizisa. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? Bathi ke bona kuye, NgokaKesare. 17Waphendula uYesu wathi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Baye bemangaliswa nguye. 18Kwafika kuye nabaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko; bambuza, besithi. 19Mfundisi, uMosis wasibhalela wathi: “Ukuba ozalana nothile uthe wafa waza washiya umfazi wakhe waza akashiya bantwana, makathi umzalwana wakhe amzeke umfazi wakhe, amvelisele imbewu ozalana naye. 20Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa akashiya mbewu. 21Uthe ke owesibini wamzeka, wafa, akashiya mbewu; nowesithathu wenjenjalo. 22Bamzeka ke bosixhenxe; abashiya mbewu. Ekugqibeleni kwabo bonke, wafa naye umfazi. 23Ngoko eluvukweni, uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? kuba bosixhenxe babenaye engumfazi. 24Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo? 25Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; banjengezithunywa ezisemazulwini. 26Ngokusingisele kwabafileyo, ukuba baya kuvuka, anilesanga na encwadini kaMoses, ethetha ngetyholo, okokuba wathi uThixo kuye, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? 27AkaThixo wabafileyo, unguThixo wabaphilileyo. Nina ke ngoko niyalahleka kakhulu. 28Kwafika omnye wakubabhali; wabeva bebuzana; waqonda ukuba ubaphendule kakuhle. Wambuza esithi, Owona mthetho uphambili kuyo yonke nguwuphi na? 29Wamphendula uYesu wathi, Owona ungaphambili kuyo yonke imithetho ngulo: Yiva, Sirayeli; iNkosi uThixo wethu yiNkosi enye; 30uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo wokuqala umthetho. 31Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunale. 32Wathi umbhali kuye, Ngxatsho ke, Mfundisi, uthethe inyaniso; ngokuba mnye uThixo; akukho wumbi, nguye yedwa; 33nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangomphefumlo uphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako, kungaphezu kwawo onke amadini atshiswayo kuphele, kwanemibingelelo. 34uYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye, Akukude wena ebukumkanini bukaThixo. Akwabakho namnye waba nabuganga bakumbuza nto. 35Waphendula uYesu, efundisa etempileni, wathi, Batsho ngani na ababhali ukuthi, uKristu ngunyana kaDavide? 36Kuba uDavide ngokwakhe wathi ngoMoya oyiNgcwele, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho. 37uDavide ngoko ngokwakhe umbiza ngokuthi, Nkosi; Kuvela phi na ke ukuba ngunyana wakhe? Yaye indimbane yamva ngovuyo. 38Wayesithi kubo ekufundiseni kwakhe, Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngeengubo ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho, 39nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, neendawo eziphambili ezidlweni; 40abadla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu; abo baya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo. 41uYesu wayehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela indlela abantu abaphosa ngayo imali emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu. 42Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante. 43Ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi kubo, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali; 44kuba bonke baphose bethabatha kwikhupha labo; ukanti yena ekusweleni kwakhe uphose yonke into abenayo, impilo yakhe yonke.
Currently Selected:
uMarko uMarko 12: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.