1
uMarko uMarko 12:29-31
Contemporary Xhosa Bible 2024
Wamphendula uYesu wathi, Owona ungaphambili kuyo yonke imithetho ngulo: Yiva, Sirayeli; iNkosi uThixo wethu yiNkosi enye; uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo wokuqala umthetho. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunale.
Thelekisa
Phonononga uMarko uMarko 12:29-31
2
uMarko uMarko 12:43-44
Ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi kubo, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali; kuba bonke baphose bethabatha kwikhupha labo; ukanti yena ekusweleni kwakhe uphose yonke into abenayo, impilo yakhe yonke.
Phonononga uMarko uMarko 12:43-44
3
uMarko uMarko 12:41-42
uYesu wayehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela indlela abantu abaphosa ngayo imali emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu. Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante.
Phonononga uMarko uMarko 12:41-42
4
uMarko uMarko 12:33
nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangomphefumlo uphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako, kungaphezu kwawo onke amadini atshiswayo kuphele, kwanemibingelelo.
Phonononga uMarko uMarko 12:33
5
uMarko uMarko 12:17
Waphendula uYesu wathi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. Baye bemangaliswa nguye.
Phonononga uMarko uMarko 12:17
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo