1
uMarko uMarko 13:13
Contemporary Xhosa Bible 2024
niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; kodwa onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.
Thelekisa
Phonononga uMarko uMarko 13:13
2
uMarko uMarko 13:33
Lumkani, hlalani nilindile, nithandaze; ngokuba anilazi ukuba linini na ixesha elo
Phonononga uMarko uMarko 13:33
3
uMarko uMarko 13:11
Xa sukuba ke benirhola, beninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga; uMoya oyiNgcwele.
Phonononga uMarko uMarko 13:11
4
uMarko uMarko 13:31
Liya kudlula izulu nehlabathi, kodwa amazwi am akayi kudlula.
Phonononga uMarko uMarko 13:31
5
uMarko uMarko 13:32
Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise.
Phonononga uMarko uMarko 13:32
6
uMarko uMarko 13:7
Xa nithe neva iimfazwe namarhe eemfazwe, musani kuba navuso; kanti kona ukuphela akukabikho.
Phonononga uMarko uMarko 13:7
7
uMarko uMarko 13:35-37
Phaphani ngoko, ngokuba ningakwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa; hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele. Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani.
Phonononga uMarko uMarko 13:35-37
8
uMarko uMarko 13:8
Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo; kuya kubakho neendlala neenkathazeko; ziingqaleko ke zenimba ezo.
Phonononga uMarko uMarko 13:8
9
uMarko uMarko 13:10
Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.
Phonononga uMarko uMarko 13:10
10
uMarko uMarko 13:6
Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; balahlekise abantu abaninzi.
Phonononga uMarko uMarko 13:6
11
uMarko uMarko 13:9
Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala; Niya kubethwa ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo.
Phonononga uMarko uMarko 13:9
12
uMarko uMarko 13:22
Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka.
Phonononga uMarko uMarko 13:22
13
uMarko uMarko 13:24-25
Ngaloo mihla, emva kwaloo mbandezelo, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo; Iinkwenkwezi zezulu ziya kuwa, athi namandla asezulwini azanyazanyiswe.
Phonononga uMarko uMarko 13:24-25
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo