uMarko uMarko 11
uMarko 11
1Ke kaloku, bakusondela eYerusalem, eBhetefage naseBhetani, eNtabeni yemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe, 2Athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi nakungena kuwo, nifumane ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; mkhululeni nize naye. 3Nokuba ubani uthe kuni, Yini na ukuba nikwenze oko? yithini iNkosi iyalifuna; wothi kwaoko alithumele apha. 4Basuka ke baya, balifumana ithole libotshelelwe ngasemnyango ngaphandle, ekuhlanganeni kweendlela; bayamkhulula ke. 5Baye abathile kwababemi khona besithi kubo, Nenza ntoni na, nilikhulula nje ithole? 6Bathetha ke kubo njengoko uYesu ebebawisele umthetho ngako; baza babandulula. 7Balizisa ithole kuYesu; baziphosa iingubo zabo phezu kwalo; wahlala phezu kwakhe. 8Ke kaloku abaninzi bazandlala iingubo zabo endleleni; baye ke abanye bexhuzula amahlamvu emithini, bewandlala endleleni. 9Baye abo babehamba ngaphambili, nabo babelandela, bedanduluka, besithi, Hosana; Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi. 10Mabubongwe ubukumkani bukabawo wethu uDavide, obuzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni! 11uYesu wangena eJerusalem, waya endlwini kaThixo, waza wasingasinga izinto zonke, kwaza kwakuhlwa, waphuma waya eBhetani nabalishumi elinababini. 12Uthe ngengomso, bakubon’ ukuba baphumile eBhetani, walamba. 13Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo. Akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingekafiki ixesha lamakhiwane. 14Waphendula uYesu wathi kuwo, Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade. Beva abafundi bakhe. 15Bakufika eJerusalem, waza uYesu wangena endlwini kaThixo, wabakhupha ababethengisa nababethenga endlwini kaThixo, wazibhukuqa neetafile zabatshintshi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe. 16Wayengavumi ukuba kubekho ucanda etempileni ethwele isitya. 17Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenze umqolomba wezihange. 18Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangathini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe. 19Kwathi kwakuhlwa, waphuma waya ngaphandle komzi. 20Kwakusa, xa babedlula, bawubona umkhiwane womile ukususela ezingcanjini. 21Ekhumbule uPetros, wathi kuye, Rabhi, khangela, umkhiwane owuqalekisileyo womile. 22Uphendule ke uYesu wathi kubo, Yibani nokholo kuThixo. 23Inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle; engathandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka; woba nako oko akuthethayo. 24Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; noba nazo. 25Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu. 26Ke, ukuba anixoleli nina, naye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu. 27Babuya beza eYerusalem; kuthi, akubon’ ukuba uyahamba etempileni, kufike kuye ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu; 28bathi kuye, Uzenza ezi zinto ngagunya lini na? Ngubani na okunike eli gunya lokwenza ezi zinto? 29Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kunibuza zwi-nye, ze nindiphendule; ndonixelela ke, ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. 30Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? ndiphendule. 31Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini; Wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? 32Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini; baye besoyika abantu; kuba bonke babebambe ukuthi uYohane ubengumprofeti inene. 33Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Waphendula uYesu wathi kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
Currently Selected:
uMarko uMarko 11: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.