Waza ke uYesu wathetha nabo ngemizekeliso, esithi: “Umntu othile watyala isidiliya, wasibiyela, wemba isixovulelo seediliya, wakha imboniselo, wasiqeshisa kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe. Ngexesha lokuvuthwa kweziqhamo ke, wathuma isicaka kwabo balimi, ukuze bamnike eziqhameni zesidiliya eso. Basuka bona basihlasela, basibetha, basindulula singaphathanga nto. Wabuya ke wathuma esinye isicaka kubo. Sona basigqebha iinduma, basihlazisa. Wabuya wathuma esinye, baza basibulala eso sicaka. Wathuma nezinye ke zazininzi, baza inxenye bayibetha, inxenye bayibulala. Wathi ngoko, kusele mntu mnye angámthumayo, unyana oyintanda, wamthuma kubo ekugqibeleni, esithi: ‘Baya kumhlonela yena unyana wam.’ Ke bona abo balimi bathi omnye komnye: ‘Yindlalifa le. Masiyibulale, ilifa libe lelethu.’ Bambamba ke unyana lowo, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya. “Uya kwenza ntoni na ke ngoko umnini-sidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele bantu bambi eso sidiliya. Niyifundile kaloku *eziBhalweni indawo ethi: “ ‘Ilitye abalidelayo abakhi lilo elaba lelona libalulekileyo lesiseko. Oku kwênzeka kuvela eNkosini; kungummangaliso emehlweni ethu.’ ” Ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho namadoda amakhulu babefuna ukumbamba ke uYesu, kuba kwakuqondakele ukuba uzekelisa ngabo. Kodwa babesoyika isihlwele, baza bamyeka bemka.
Funda UMARKO 12
Share
Compare All Versions: UMARKO 12:1-12
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos