Waza waqala ukuthetha nabo ngemizekeliso. Ubani watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. Wathi ngelo xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso. Basuka bona bambamba, bamtyabula, bamndulula elambatha. Wabuya wathuma kubo omnye umkhonzi; lowo bamgibisela ngamatye, bamngxwelerha entloko, bamndulula ehlazekile. Wabuya wathuma omnye; naye bambulala, nabanye abaninzi; inxenye beyityabula, inxenye beyibulala. Uthe ngoko, esenaye unyana emnye, intanda yakhe, wamthuma naye kubo ukugqibela, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. Kodwa abo balimi bathetha bodwa besithi, Yindlalifa le; yizani simbulale, libe lelethu ilifa. Bamthabatha ke, bambulala, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya. Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso. Anisilesanga na esi sibhalo; Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; Le nto yenziwe yiNkosi, yaye iyamangalisa emehlweni ethu? Baza bafuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka.
Funda uMarko 12
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: uMarko 12:1-12
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
I-YouVersion isebenzisa ii cookies ukwenza amava akho abe ngawe. Ngokusebenzisa i-website yethu, uyakwamkela ukusebenzisa kwethu ii cookies njengoko kuchaziwe kuMgaqo-nkqubo wethu
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo