Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Maraki 12:1-12

Ivangeli ka‐Maraki 12:1-12 XHO1902A

Waza waqala ukuteta kubo ngemizekeliso, esiti: Umntu otile watyala isitiya, wasibiyela ngotango, wembela ifatye yeveyine, waka inqaba, wasiqeshisela kubalimi, waza wahambela kwelinye ilizwe. Wati ngexesha elifanelekileyo watuma kubalimi isicaka, ukuze samkele kubalimi kwiziqa̔mo zesitiya. Kodwa basitabata basityabula, basindulula singenanto. Waza wabuya watuma kubo esinye isicaka; neso basigibisela ngamatye basenzela inxeba entloko, basindulula sipetwe ngento ehlazekileyo. Wabuya watuma nesinye; neso basibulala: kwa nezinye ezininzi, inxenye bezityabula, inxenye bezibulala. Ngako esenonyana emnye, umtandwa wake, wamtuma naye kubo ngokugqibela, esiti: Baya kumhlonela unyana wam. Kodwa abalimi abo batsho pakati kwabo ukuti: Lo uyindlalifa; yizani, masimbulale, lize ilifa libe leletu. Baza bamtabata bambulala, bamku̔pela ngapandle kwesitiya. Uya kwenza nto nina ngoko umninisitiya? uya kuza atshabalalise abobalimi, anike isitiya kwabanye. Anileseshanga na esisiba̔lo sokuti: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi; bekukukwenza KUKAYEHOVA oku, kungummangaliso ke emehlweni etu? Baye befuna ukumbamba, kanti basoyika isihlwele; ngokuba bebenakene ukuba lomzekeliso wawuteta ngakubo; baza bamshiya bemka.