UMATEYU 25:1-13
UMATEYU 25:1-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni. Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha. Ezo ziziziyatha zaphatha izibane zazo, azaphatha oli nazo; kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo. Ke kaloku, akubon' ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala. Phakathi kobusuku ke kwabakho umemezo oluthi, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela. Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo. Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo, ngokuba izibane zethu zicima. Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi, hleze inganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele. Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango. Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, nkosi, sivulele. Yaphendula ke yona yathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina. Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.
UMATEYU 25:1-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ngelo xesha ulawulo lukaThixo luya kufana nokweentombi ezilishumi, ezazithathayo izibane zazo, zaya kuhlangabeza umyeni. Ke ezintlanu kuzo zazizizidenge, ezintlanu zizizilumko. Ezizizidenge zazithatha izibane zazo, kodwa azayipatha ioyile yokongeza. Zona ezizizilumko zathi kunye nezibane zazo zahamba ziphethe ioyile ngezitya. Umyeni walibazisa ukufika, zaza iintombi ezi zonke zozela zalala. “Ezinzulwini zobusuku kwamenyezwa kusithiwa: ‘Nanko umyeni; phumani niye kumhlangabeza!’ Zavuka ke zonke iintombi ezo, zazilungisa izibane zazo. Zaza ezizizidenge zathi kwezizizilumko: ‘Sipheni kwioyile yenu leyo, kuba izibane zethu ziyacima.’ Kodwa zalandula ezizizilumko, zisithi: ‘Hleze inganeli kuthi nakuni, yiyani kwabayithengisayo, nizithengele.’ Kwathi ke, zisaya, wafika umyeni, zaza ezo ntombi bezisezilungile zangena kunye naye emsithweni, kwaza kwavalwa emnyango. “Kamva zafika nezinye iintombi ezo, zathi: ‘Nkosi, sivulele.’ Yaphendula yona yathi: ‘Ndithi kuni, inene, nina àndinazi.’ “Phaphani ke ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.”
UMATEYU 25:1-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni. Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha. Ezo ke ezizizidenge zazithabatha izibane zazo, azaphatha oli nazo. Kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo. Ke kaloku, akubon’ ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala. Ke kaloku ezinzulwini zobusuku kwamenyezwa, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela. Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo. Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo; ngokuba izibane zethu zicima. Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi; hleze anganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele. Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango. Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, Nkosi, sivulele. Waphendula ke yena wathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina. Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.
UMATEYU 25:1-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
OKO ubukumkani bezulu bofanekiswa nentombi ezilishumi, ezatabatayo izibane zazo, zapuma ukuya kukaulela umyeni. Kekaloku isihlanu kuzo zibe zilumkile, nesihlanu esinye zazinyabile. Ezo zinyabileyo, zitabatile nje izibane zazo, azatabata nazo ioli: kodwa ezilumkileyo zatabata ioli ezityeni zazo kunye nezibane zazo. Zati kekaloku, xa alibalayo umyeni, zozela zonke zalala. Kwaza kwati pakati kwobusuku kwenziwa indanduluko yokuti: Nanku umyeni esiza; pumani ukuya kumkaulela. Zandula zavuka zonke intombi ezo, zalungisa izibane zazo. Zaza ezinyabileyo zati kwezilumkileyo: Sipeni kuyo ioli yenu, ngokuba izibane zetu zicimeka. Kodwa zapendula ezilumkileyo, zisiti: Hai, hleze kuti kunganeli tina nani; hambani ke niye ngokukumbi kwabo batengisayo, nizitengele. Koko nxa bezisiya ukutenga, wafika umyeni: zaza ezo zibe zilungile zangena naye emtshatweni; kwavalwa ke ucango. Zati kamva zafika nezinye intombi, zisiti: Nkosi, Nkosi, sivulele! Kodwa wapendula wati: Ngokwenene nditi kuni, andinazi. Lindani ke ngoko; ngokuba ningayazi imini kwa neyure unyana wesintu uza ngayo.