Ivangeli ka‐Mateyu 25

25
1OKO ubukumkani bezulu bofanekiswa nentombi ezilishumi, ezatabatayo izibane zazo, zapuma ukuya kukaulela umyeni. 2Kekaloku isihlanu kuzo zibe zilumkile, nesihlanu esinye zazinyabile. 3Ezo zinyabileyo, zitabatile nje izibane zazo, azatabata nazo ioli: 4kodwa ezilumkileyo zatabata ioli ezityeni zazo kunye nezibane zazo. 5Zati kekaloku, xa alibalayo umyeni, zozela zonke zalala. 6Kwaza kwati pakati kwobusuku kwenziwa indanduluko yokuti: Nanku umyeni esiza; pumani ukuya kumkaulela. 7Zandula zavuka zonke intombi ezo, zalungisa izibane zazo. 8Zaza ezinyabileyo zati kwezilumkileyo: Sipeni kuyo ioli yenu, ngokuba izibane zetu zicimeka. 9Kodwa zapendula ezilumkileyo, zisiti: Hai, hleze kuti kunganeli tina nani; hambani ke niye ngokukumbi kwabo batengisayo, nizitengele. 10Koko nxa bezisiya ukutenga, wafika umyeni: zaza ezo zibe zilungile zangena naye emtshatweni; kwavalwa ke ucango. 11Zati kamva zafika nezinye intombi, zisiti: Nkosi, Nkosi, sivulele! 12Kodwa wapendula wati: Ngokwenene nditi kuni, andinazi.
13Lindani ke ngoko; ngokuba ningayazi imini kwa neyure unyana wesintu uza ngayo.
14Ngokuba unyana wesintu enjengomntu ehambela kwelinye ilizwe, owabiza izicaka zake, wayinikela kuzo imfuyo yake. 15Wati ke esinye wasinika italente ntlanu, nesinye wasinika mbini, nesinye wasinika nye; wanika esinye ngesinye ngokwawaso amandla: waza wahambela kwelinye ilizwe kwa oko. 16Kekaloku eso samkelayo italente ezintlanu saya sasebenza ngazo, senza esinye isihlanu setalente. 17Kwa njalo neso samkelayo ezimbini, saqweba naso esinye isibini. 18Kodwa eso samkelayo enye saya semba emhlabeni, sayifihla imali yenkosi yaso.
19Kekaloku emveni kwexesha elikulu, yeza inkosi yezicaka ezo, yazibuza. 20Sati ke eso samkelayo italente ezintlanu seza sazisa esinye isihlanu setalente, sisiti: Nkosi! italente ntlanu wabuzinikela kum; kangela, esinye isihlanu setalente ndisiqwebile pezu kwazo. 21Yaza yati kuso inkosi yaso: Ukolisile, sicaka esilungileyo esinyanisekileyo! ubunyanisekile pezu kwezinto ezincinane, ndokumisela pezu kwezinto ezininzi; ngena eluyolweni lwenkosi yako. 22Seza ke neso samkelayo italente ezimbini, sati: Nkosi! italente mbini wabuzinikela kum; kangela, esinye isibini setalente ndisiqwebile pezu kwazo. 23Yati kuso inkosi yaso: Ukolisile, sicaka esilungileyo esinyanisekileyo! ubunyanisekile pezu kwezinto ezincinane, ndokumisela pezu kwezinto ezininzi; ngena eluyolweni lwenkosi yako. 24Seza ke neso sibe samkele italente enye, sati: Nkosi! ndakwazi wena ukuba ungumntu olukuni, uvuna apo ungahlwayelanga kona, ubuta apo ungaci̔telanga kona; 25ndaza ndoyika, ndaya ndayifihla italente yako emhlabeni; kangela, unako okukokwako. 26Yaza yapendula inkosi yaso yati kuso: Sicaka esikohlakeleyo esinqenayo! ubusazi nje ukuba ndiyavuna apo ndingahlwayelanga kona, ndibute apo ndingaci̔telanga kona: 27ubufanele ngoko ukuba wabeka imali yam kubananisi; ndaye ndinga ndite mna, ndakufika, ndabuya ndamkela okukokwam kunye nokwanda kwako. 28Mhluteni ngoko italente yake, niyinike kulowo unetalente ezilishumi. 29Ngokuba bonke abanako beya kupiwa, babeya kwanezelelwa; kanti ongenako, uya kuhlutwa kwa oko anako. 30Nesicaka esingancedi luto siku̔peleni ebumnyameni obupandle: apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo.
31Kekaloku akuza unyana wesintu ebungcwaliseni bake, nazo zonke ingelosi ezingcwele kunye naye, uya kwandula ahlale pezu kweterone yobungcwalisa bake; 32kwaye kuya kuhlanganiswa pambi kwake zonke intlanga; waeya kubahlula abanye kwabanye, njengokuba umalusi esahlula izimvu ezibokweni; 33ati izimvu ke azimise ngasekunene kuye, ati kodwa ibokwe azimise ngasekohlo.
34Oko nya kuti ukumkani kwabo bangasekunene kuye: Yizani, nina batanyusanqelweyo ngubawo! yidlani ilifa lobukumkani obulungiselwe nina kwa sekumisweni kwelizwe: 35ngokuba bendilambile, naza nandipa ukutya; bendinxaniwe, naza nandiseza; bendingowasemzini, naza nandamkela endlwini; 36bendizé, naza nandambesa; bendisifa, naza nandilunguza; bendisentolongweni, neza kum ke. 37Baya kwandula ukupendula kuye abalungileyo, besiti: Nkosi! bekuninina esakubona ulambile, saza sakwondla; umhlaumbi unxaniwe, saza sakuseza? 38bekuninina esakubona ungowasemzini, saza sakwamkela endlwini; umhlaumbi uzé, saza sakwambesa? 39bekuninina esakubona usifa, umhlaumbi usentolongweni, seza kuwe ke? 40Waeya kupendula ukumkani ati kubo: Ngokwenene nditi kuni: Ngendawo yokuba nibe nisenje njalo kwomnye waba abazalwana bam noko amncinane kubo bonke, nibe nisenje njalo kum.
41Oko uya kuti nakwabo bangasekohlo: Mkani kum, nina baqalekisiweyo! niye emlilweni ongunapakade, olungiselwe u‐Satane nengelosi zake: 42ngokuba bendilambile, anandipa ukutya ke; bendinxaniwe, anandiseza ke; 43bendingowasemzini, anandamkela endlwini ke; bendizé, anandambesa ke; bendisifa, bendisentolongweni kanjalo, anaza kundibona ke. 44Baya kwandula ukupendula kuye nabo, besiti: Nkosi! bekuninina esakubona ulambile, umhlaumbi unxaniwe, umhlaumbi ungowasemzini, umhlaumbi uzé, umhlaumbi usifa, umhlaumbi usentolongweni, saza asakwonga? 45Uya kwandula apendule kubo, esiti: Ngokwenene nditi kuni: Ngendawo yokuba nibe ningenje njalo kwomnye waba noko amncinane kubo bonke, nibe ningenje njalo nakum. 46Babeya kumka aba ukuya ekubetweni okungunapakade, kodwa abalungileyo ukuya ebomini obungunapakade.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena