uMateyu uMateyu 25

uMateyu 25
1Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni. 2Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha. 3Ezo ke ezizizidenge zazithabatha izibane zazo, azaphatha oli nazo. 4Kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo. 5Ke kaloku, akubon’ ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala. 6Ke kaloku ezinzulwini zobusuku kwamenyezwa, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela. 7Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo. 8Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo; ngokuba izibane zethu zicima. 9Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi; hleze anganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele. 10Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango. 11Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, Nkosi, sivulele. 12Waphendula ke yena wathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina. 13Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa. 14Kaloku ubukumkani bamazulu bunjengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye, wabiza abakhe abakhonzi, wayinikela kubo impahla yakhe. 15Wathi omnye wamnika iitalente zantlanu, omnye zambini, nomnye yaba nye; elowo ngokwamandla akhe; wanduluka kwaoko. 16Lowo ke wamkela iitalente ezintlanu, waya wasebenza ngazo, wenza esinye isihlanu seetalente. 17Kwangokunjalo nalowo wamkela ezimbini, naye wazuza esinye isibini. 18Ke naye lowo wamkela yanye, waya wemba emhlabeni, wayifihla imali yenkosi yakhe. 19Emva kwexesha elide, ifike inkosi yabo bakhonzi, ibalelane nabo. 20Weza lowo wamkela iitalente ezintlanu, wazisa esinye isihlanu seetalente phezu kwazo, esithi, Nkosi, wandinika iitalente zantlanu; khangela, ndizuze esinye isihlanu seetalente phezu kwazo. 21Yathi ke kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho. 22Weza ke nalowo wamkela iitalente ezimbini, wathi, Nkosi, wandinika iitalente zambini; khangela, ndizuze esinye isibini seetalente phezu kwazo. 23Yathi kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho. 24Weza ke nalowo wamkela italente yanye, wathi, Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu olukhuni, uvuna apho ubungahlwayelanga khona, ubuthe apho ungelelanga khona; 25Ndasuka ndoyika, ndaya ndayiselela italente yakho ngomhlaba; nanku unako okwakho. 26Yaphendula ke inkosi yakhe, yathi kuye, Sisicakandini singendawo, silivila, ubusazi nje ukuba ndivuna apho ndingahlwayelanga khona, ndiqokelele apho ndingahlwayelanga khona; 27ubumelwe kukuthi ngoko ube ubuyibeke imali yam kubananisi, ndaza ndakufika mna, ndabuya ndakuzuza okwam kunenzala. 28Mhlutheni ngoko italente leyo, niyinike lowo uneetalente ezilishumi. 29Kuba wonke umntu onako Uya kunikwa, abe nako ngokugqithiseleyo; ke ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako. 30Naye umkhonzi ongancedi lutho, mkhupheleni ebumnyameni obungaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. 31Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe; 32zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni; 33athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo. 34Uya kuthi ke ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi. 35Kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini; 36ndandize, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum. 37Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, saseza? 38Sakubona nini na ungowasemzini, sakungenisa endlwini? Uze, sakwambesa? 39Sakubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe? 40Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nithe nenjenjalo nakomnye waba bazalwana bam bangabona bangabona bancinane, nenjenjalo nakum. 41Uya kuthi nakwabangasekhohlo, Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade, owalungiselwa uMtyholi nezithunywa zakhe. 42Kuba ndalamba, anandiseza; ndanxanwa, anandiseza; 43ndandingowasemzini, anandingenisa ndlwini; ndandize, anandambesa; ndandisifa, ndandisentolongweni, anandivelela. 44Boza ke bamphendule nabo, besithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, okanye unxaniwe, okanye ungowasemzini, okanye uze, okanye usifa, okanye usentolongweni, asakulungiselela? 45Aze abaphendule athi, Inene ndithi kuni, Ekubeni ningenjanga njalo nakumnye waba bangabona bangabona bancinane, anenjanga njalo nakum. 46Abo baya kumka aba baye elubethweni olungunaphakade; ke wona amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.

Currently Selected:

uMateyu uMateyu 25: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena