uMateyu uMateyu 24
uMateyu 24
1Ephumile uYesu, wemka etempileni; bathe abafundi bakhe beza kumbonisa izakhiwo zetempile. 2Wathi kubo uYesu, Niyazibona na zonke ezi zinto? Inene, ndithi kuni, Akusayi kusala apha ilitye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa. 3Ke kaloku, akubon’ ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli? 4Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu. 5Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; balahlekise abantu abaninzi. 6Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho. 7Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo. 8Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba. 9Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. 10Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, bangcatshane, bathiyane. 11Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi. 12Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi. 13Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa. 14Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela. 15Xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekuthethwe ngalo ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (lowo ulesayo makaqiqe); 16Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni; 17Ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha into endlwini yakhe; 18nosentsimini makangabuyeli emva aye kuthabatha iingubo zakhe. 19Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla! 20Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi sebusika nangesabatha. 21Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo. 22Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa. 23Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya; musani ukukholwa yiyo. 24Kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga; ngokokude, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo. 25Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili. 26Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Musani ukuphuma; nanko emagumbini afihlakeleyo; musani ukukholwa yiyo. 27Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga; koba njalo nokufika koNyana woMntu. 28Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga. 29Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe. 30Uya kubonakala ngelo xesha umqondiso woNyana woMntu ezulwini; zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza esemafini ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu. 31Azithumele izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kuse kwesinye isiphelo samazulu. 32Fundani kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo. 33Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona zonke ezo zinto, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. 34Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho. 35Liya kudlula izulu nehlabathi, kodwa amazwi am akayi kudlula. 36Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa zamazulu, nguBawo yedwa. 37Ke kaloku, njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu. 38Kuba njengokuba babesithi, ngemihla yangaphambi konogumbe, babesidla, besela, bazeke, besendiswe, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, 39kwaye abazange baqonde wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke; koba njalo nokufika koNyana woMntu. 40Ngelo xesha ababini boba sentsimini; omnye amkelwe, omnye ashiywe. 41Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila; omnye amkelwe, omnye ashiywe. 42Phaphani ngoko; ngokuba ningazi ukuba lilixa liphi na eza ngalo iNkosi yenu. 43Yazini ke oku, ukuba ebesazi umninindlu ukuba isela liza ngawuphi na umlindo wobusuku, ange elindile, akavuma ukuba indlu yakhe igqojozwe. 44Nani ngoko yibani nilungile, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo. 45Ngubani na ke loo mkhonzi uthembekileyo, uqondayo, eyathi inkosi yakhe yammisa phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo? 46Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo. 47Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo. 48Ukuba ke loo mkhonzi ungendawo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza; 49Aqale ukubabetha abakhonza kunye naye, adle, asele namanxila; 50iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini engayilindeleyo, nangelixa angalaziyo; 51imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
Currently Selected:
uMateyu uMateyu 24: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.