Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni. Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha. Ezo ke ezizizidenge zazithabatha izibane zazo, azaphatha oli nazo. Kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo. Ke kaloku, akubon’ ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala. Ke kaloku ezinzulwini zobusuku kwamenyezwa, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela. Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo. Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo; ngokuba izibane zethu zicima. Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi; hleze anganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele. Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango. Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, Nkosi, sivulele. Waphendula ke yena wathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina. Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.
Funda uMateyu 25
Share
Compare All Versions: uMateyu 25:1-13
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos